Lilwe kwamdaka isali igosa lesebe lentsebenziswano kurhulumente nemicimbi yemveli ngethuba lihlaselwa eMbizana emva kokuba lityelele ebakhwetheni. UMehluli Bhenya uthi ebesendleleni ebuyela ekhaya ngethuba ehlaselwa liqela lamadoda ekukholelwa ukuba achasene notyelelo lamagosa karhulumente esuthwini.
“Ndilwile ukuze ndisinde kuba ndifike kubekwe amatye endleleni, emva koku, kwavela amadoda amathathu ehlathini andibetha ngamanqindi, nditsale intonga ndazilwela,” utshilo uBhenya.Uhambisa athi bambethe ngamanqini bamosela, waza wancedwa yintonga ukuzikhupha kuloo ngozi, kamva la madoda alihlasele ngamatye eli gosa.
Eli sebe kweli phondo leMpuma Koloni libongoze iinkosi, uluntu kwanabazali babantwana abase- Suthwini ukuba bohlukane nokuxhaphaza amagosa eli sebe.
“Lingene esibhedlele laphinda laphuma emva kokubethwa ngamadoda ekukholelwa ukuba achasene notyelelo lethu ebakhwetheni, utshilo uMamnkeli Ngam othethela ela sebe. Lo kaNgam uthi balindele ukuba kusetyenziswane phakathi kwabazali babantwana, amagosa esebe, nakuluntu ngokubanzi ukuze kufunyanwe isisombululo kwiingxaki zasebakhwetheni. Kwiveki ephelileyo agxothwe okomshologu amapolisa, amagosa karhulumente kwakunye neenkosi ngethuba zityelele izindlu zabakhwetha eNtabethemba ngaseKomani.
Ingxelo yela sebe ithi, bakumashumi amathathu amakhwetha abathe babhubha kweli ukusukela oko liqalile ixesha lokwalusa lasehlotyeni. Eli ebe limisele amaziko amathathu ohlangulo kwingingqi yaseChris Hani emva kokukhula kwamanani abakhwetha abathe babhubha kula masipala.
Ukanti i-ofisi yenkulumbuso yephondo uPhumulo Masualle imemelele amakhankatha, abazali, iingcibi noluntu ngokubanzi zikhusele abantwana.
Kubanjwe abarhanelwa abangama84 kwisithili saseSarah Baartman