Igqwetha laseMonti lityholwa ngokugqumza umntu ophunyelwe ziimali zikaRAF

Ngomhla wesithoba kwinyanga yoMsintsi ka2024, uMasixole Bangiso oneminyaka engamashumi amane ananye (41) nongumseki weMasixole Bangiso Attorneys, uvele phambi kwenkundla kamantyi yaseMonti emva kokubanjwa kwakhe licandelo lophando lobuqhophololo elizinze eMonti leeHawks. Ubanjwe malunga nezityholo zobusela.

Ngokutsho kukaCaptain Yolisa Mgolodela, isithethi seeHawks ephondweni, ezi zityholo zisuka kwingozi yendlela eyenzeke ngomhla weshumi elinesibhozo (18) kuTshazimpuzi ka2021, apho ummangali wayengumkhweli.

Ummangali walaliswa esibhedlele kangangeeveki ezintlanu emva koko waya kwinkampani yamagqwetha kaBangiso ukuba imncede ngebango leNgxowa-mali yeeNgozi zeNdlela (RAF).

UMgolodela uthi uBangiso uye wafaka isicelo seR550 000 kwiRAF egameni lommangali, nto leyo eyabonwa njengesibonelelo esifanelekileyo. Nangona kunjalo, ummangali uthi nangona wayexelelwe ukuba intlawulo izakwenziwa ngenyanga yoMnga ka2023, akazange afumane ntlawulo.

Ezinye izityholo zithi uBangiso usilele ukuthumela imali kwiakhawunti yommangali, endaweni yoko uye wathetha apha naphaya.

Uphando olwenziwe ziiHawks ludize ukuba ngenene iRAF yahlawula iR550 000 kwiakhawunti kaBangiso ngomhla wesithathu kweyoMqungu ka2024, kodwa uBangiso kutyholwa ukuba wahlawula ummangali iR500 000, imali eyayivela kwibango elahlawulwa yiRAF komnye umntu awayemnceda.

Uphando lweeHawks luqinisekise ukuba izenzo zikaBangiso zibangele ukuba iRAF iphulukane nemali engaphaya kwesigidi seerandi (R1 million).

UBangiso ukhululwe ngebheyile yeR40 000 kwaye kulindeleke ukuba aphinde avele enkundleni ngomhla weshumi elinanye (11) kweyeDwarha ka2024 ukuze kwenziwe uphando oluthe kratya.

UMajor General Mboiki Obed Ngwenya, oyiNtloko yeeHawks ephondweni, uncome eli gqiza ngokulisingatha ngokukhawuleza eli tyala elathi laxelwa kwiiHawks ngenyanga yoKwindla ka2024.