Igumbi elitsha lesigidi eFrere

Igumbi elenzelwe abonzakele kwiingozi zendlela kwisibhedlele iFrere eMonti imifanekiso: BHEKI RADEBE

IXESHA likaxakeka elikhatshwa ziingozi zeemoto lifikile kwaye isibhedlele saseFrere eMonti sithi sikulungele ukunceda loo maxhoba eentlekele ingakumbi aweengozi zasezindleleni.

Kule veki isebe lezeMpilo eMpuma Koloni libambisene nengxowamali yamaxhoba eengozi zasezindleleni, iRoad Accident Fund (RAF), babhengeze igumbi elihlaziyiweyo elineebhedi ezingamashumi amabini anesihlanu nelijongana namaxhoba eengozi okanye onyango olukhawulezileyo.

Eli gumbi lakhiwe ngabakwaRAF ngokusebenzisana nemibutho yabucala, utshilo uPhathutshedzo Lukhwareni obambele njengegosa eliyintloko kwezobuchule (strategic) kwaRAF.

ULukhwareni, othi lo msebenzi ubaxabise isigidi seerandi, uthe: “Singene kule ntsebenziswano ngenxa yokuba ithetha ncakasana malunga nomsebenzi wethu. Eyona njongo yethu ephambili kukujongana namaxhoba eengozi zasezindleleni.”

“Silwenzile uphando lwethu safumanisa ukuba izigulana ezininzi ezifanele ukuba zingena kule wadi siyenze ngokutsha ngamaxhoba eengozi zasezindleleni.

“Njengokuba sisazi ukuba uRAF waziwa njengeziko elihlawula izigidi kumaxhoba eengozi zasezindleleni kodwa le projekthi siyenze eFrere iyabonakalisa ukuba siyingxowa ekhathalayo ngamaxhoba eengozi zeendlela,” utshilo uLukhwareni.

Yena uMphathiswa wesebe lezeMpilo ephondweni uSindiswa Gomba uthe bayayithakazelela le ntsebenziswano, watsho evuma umcelimngeni ebebenawo wezigulana ezidinga iibhedi.

“Le nto iqale phaya kwinyanga yeKhala emva kokubona ukuba umthamo wezigulana ezingenazibhedi, kwicandelo leengozi nongxamiseko, uya ekhula. Abantu babelala ezitulweni nto leyo yayisiveza kwimehlo elibi.

“Sade sathathwa sasiwa kwiKomishini yamaLungelo oLuntu ngenxa yezikhalazo zabantu. Sasibonwa njengabantu abangakhathaliyo. Sisajonge kwimeko yethu yokungabinamali, abakwaRoad Accident Fund bavele be gqi basincedisa ngemali,” utshilo uGomba.

ULukhwareni ukwabalule ukuba banalo igosa elijongana namaxhoba eengozi zeendlela eFrere, ukuze kuncedakale amaxhoba kumabango kaRAF.