‘Igumgedle lokugqwalisa’ uNdabeni-Abrahams

STELLA NDABENI-ABRAHAMS

Imanyano yabasebenzi bezonxibelelwano, iCommunication Workers Union (CWU), ikholelwa ukuba kukho “igumgedle” lokugxotha uMphathiswa wezoNxibelelwano kwanoBuchwephese bezobuXhakaxhaka, uStella Ndabeni-Abrahams.

UNdabeni-Abrahams unqunyanyiswe emsebenzini wakhe nguMongameli Cyril Ramaphosa emva komfanekiso ofakwe kuInstagram ngowayesakuba nguSekela Mphathiswa, uMduduzi Manana, ebonakalisa besitya isidlo nalo kaNdabeni-Abrahams.

Oku kwenzeke nangona nje uRamaphosa eyalele wonke umntu ukuba ahlale endlini ukunqanda ukunwenwa kwentsholongwane yekhorona.

URamaphosa unqumamise lo kaNdabeni-Abrahams, esithi wophule imithetho karhulumente yokuba abantu bahlale ezindlini.

Ngomhla wesihlanu kule nyanga, uNdabeni-Abrahams ebetyelele uManana, wafota lo kaManana wafaka umfanekiso kuInstagram besitya isidlo sasemini. URamaphosa umnqumamise iinyanga ezimbini uNdabeni-Abrahams, esithi enye kulo nyanga ayizukuhlawulwa. UMongameli ukwathe umthetho mawudlale indima yawo kulo kaNdabeni-Abrahams, ekwathi makacele uxolo esidlangalaleni – into asele eyenzile lo Mphathiswa.

Umbutho iEFF sele ulivulile ityala ngakuNdabeni-Abrahams, ngelithi ufuna abanjwe ngokophula imithetho yokunqanda ukunwenwa kwentsholongwane yekhorona. Ngethuba sibhala eli nqaku ekuqaleni kwale veki bekungekacaci nto malunga netyala elibekwe uNdabeni-Abrahams, amapolisa esithi ayaqhuba nophando.

UNobhala Jikelele weCWU, uAubrey Tshabalala, uthi baqaphele ukuba kukho “igumgedle” elijolise “ekugqwaliseni” uNdabeni-Abrahams.

“Sibona ukuba kukho iphulo elikumaqonga onxibelelwano lokuhlasela uMphathiswa, elide lanabela kuhlaselo ngokwesini kwanokuhlaselwa abo banezimvo ezohlukileyo kwabanye,” utshilo uTshabalala.

“Ngokoluvo lwethu uMphathiswa uphazamile futhi asiyithetheleli indlela yokuziphatha kwakhe, kodwa siyakukhalimela ukusetyenziswa kwesi sehlo ukuqhuba umxholo wesadunge sezopolitiko.

“Ukusukela oko engene esikhundleni uNdabeni-Abrahams kubekho uzinzo esebeni. Lo Mphathiswa ebedophole ekhona ekusonjululweni kweengxaki ezinzima kumaziko aliqela kuquka ukudendwa [kwabasebenzi] eSABC, iingxaki zakwaUSAASA, ukudendwa [kwabasebenzi] kwaTelkom kwaneminye imingeni yamashishini amancinane,” utshilo uTshabalala.

UNdabeni-Abrahams ucele uxolo ngesenzo sakhe, esithi uyazisola. “Ndiyathemba ukuba uMongameli nabemi baseMzantsi Afrika baya kundixolela ngeentliziyo zabo,” utshilo uNdabeni-Abrahams, esithi uza kuyithobela imithetho yokunqunyanyiswa kwakhe.

URamaphosa uthi amalungu eKhabhinethi kufuneka abe ngumzekelo. “Akekho namnye ofanele ukujongela phantsi iinzame zokusindisa abantu boMzantsi Afrika (kule ntsholongwane).”