Iguqulelwa kwiilwimi ngeelwimi imbali ekwiNelson Mandela Museum

“Xa ufuna ukuthetha
nentliziyo yomntu thetha ngolwimi lwakhe”, la ngamazwi kaDalibhunga ekucatshulwe
kuwo zinkokheli zePan South African Language Board.

Kumsitho wokusekwa ngokusesikweni kwephulo
lokuguqulela imbali equlathwe yiNelson Mandela Museum,
kwezinye iilwimi ezisetyenziswa kweli phondo, kwehliwe kusenyukwa kwabo
bangumqobo ekuphuhlisweni kweelwimi zabantsundu.

UXolisa Tshongolo, ongomnye wabaphathi bePanSALB
ephondweni, uvakalise intlungu ngento ayibize njengokungalinganiswa kweelwimi
nokukhokelela ekuxhaphakeni kweziganeko zokubukulana ngobuhlanga.

IPanSALB ithabathe isigqibo sokusungula eli
phulo ngeenjongo zokubhiyozela unyaka wekhulu wazalwa uNelson Rholihlahla
Mandela.

Le nkokheli, neyayisondele kakhulu
eluntwini kwaye inentshisekalo engummangaliso yokuphuhlisa abantu kwiimeko zentlalo.

 IAfrican National Congress igunyazise
ngokusesikweni ukuba lo unyaka ngowokubuka imisebenzi emihle nokuqinisekisa
ukuba isizukulwana esilandelayo sihamba kumzila oshiywe yile nkokheli. Eli
phulo likwaquka ukunikwa kwengqwalasela kwinkqubo yokufakwa kolwimi lwezandla
kwezo zilishumi elinanye zeli.

OkaTshongolo uthe, “Kubalulekile ukuba
abantu basifundiswe isiNgesi kodwa akho sidingo sokuba kufundiswe ngaso”. 

Uphinde wagxininisa ukubaluleka kokufundiswa kwabantwana ngeelwimi zabo
kwizifundo zobunzulu-lwazi ushishino noqoqosho. 

“Sibone umbono ongemhlanga
kweli ziko likwingingqi yamaXhosa kodwa lingenayo inguqulelo yolwimi lwalo.

ISebe lezeMidlalo, uLonwabo, ubuGcisa
neNkcubeko liyamkele le ntshukumo latsho lithembisa ngokuzifaka zitshone
ekuncothuleni nantoni enokudodobalisa uphuhliso lweelwimi. 

Isithethi  sesebe, uSilinga Siyanda uthe, “Siza kwenza
konke okusemandleni ukuqinisekisa ukuba iinkqubo zethu zenziwa ngendlela
ezakulungiselela abo bangazivayo ezinye ilwimi”.

Imiboniso yale museum iza kuguqulelwa
kwiilwimi eziliqela ingakumbi ezi zisetyenziswa leli phondo leMpuma Koloni. 

Ingqonyela yeNelson Mandela Museum, uBonke Tyhulu umeme bonke abahlobo bale museum ukuba babeyinxalenye yolu tshintsho, watsho engqina ukuba ngenene
kuza kuguqulelwa imiboniso yembali kunye nencwadi iNelson Mandela’s Values
eza kugqitywa kwisithuba seenyanga nje ezimbalwa.