Igusha enomsila

Inyanisile intetha yamaXhosa ethi “ukuhamba kukubona.” Umntu akushiya indawo ayaziyo angene elizweni, uhamba edibana nezinto angazange wazibona nangazange wazicinga.

Phakathi kweMiddleburg neRhafu, ndinokayise, ndabona iigusha ezinentamo ende, ezimilo yazo ngathi yinkamela. Ndithi ziigusha ke kuba ziigusha ngento yonke, umahluko yileyo ntamo nemilo engathi yinkamela. Wathi ukayise akangeke ayidle yena inyama yezo gusha, ndingazi ukuba uza kuzibona njani na xa sele ziyinyama.

Oku ndikukhunjuzwa kukubona ukuba kukho iindawo ezingawanqumliyo imisila amatakane eegusha, eziwayeka abe ziigusha ezindala ezinemisila. Ngumbono ombi ke kum lo wegusha enomsila!

Mhlawumbi ke ndenziwa kukuba ndikhule ndisazi ukuba igusha inqunyulwa umsila iselitakane, ikhule ingenawo. Unangoku ke kusenjalo kwelakuthi, ezethu iigusha azinayo imisila.

Ezi ndizibona apha ekuhambeni andiziqheli nje mpela; eyegusha ejiwuzisa umsila ngathi yinja! Ithi ukuba iyabaleka ibe ngathi ligqesha elimdaka elibotshelelwe kuyo ngemva, ufike lisiwa ngapha nangapha xa ibaleka.

Kaloku ayikwazi kuwulawula igusha umsila, ube lelo gqesha lijinga emva kwayo ke. Izilwanyana ezininzi umsila ziwusebenzisela ukuhesha izinambuzane ezifana neempukane neembuzane nezibawu ezisenza isilwanyana singonwabi sakuhlalwa zizo.

Omnye umsebenzi womsila esilwanyaneni lunxibelelwano; siyawumisa okanye siwufake phakathi kwemilenze okanye siwupitshozise okanye sibhule ngawo, konke oko kuyimiyalezo eyahlukileyo. Igusha ke yona iwenzani umsila?

Inoboya obenza ukuba ingaphatheki kakubi yakuhlalwa zizinambuzane; ayinanxibelelwano iludlulisa ngomsila, ngaphandle kwetakane xa lincanca.

Uyekelwani ke umsila egusheni? Imele ke ngoko ukuba ingakwazi kuwulawula, kuba akukho msebenzi wawo kuyo.

Wumbi ke wobuza ukuba kuxa bekutheni ukuze idalwe nomsila kanti awufuneki kuyo; kuba ke idalwe yanomsila, ngabantu abawunqumlela izizathu zabo.

Umzekelo, inkunzi okanye inkabi inqunyulwa umsila ngokwahlukileyo kwithokazi okanye imazi, oko ke kwenziwa ngabantu ngezizathu ezibonwa ngabo.

Ewe, mhle lowo mbuzo ungokudalwa kwegusha nomsila esiwunqumlayo thina. Andinayo impendulo yawo. Endinako ikwangumbuzo wokuba, awunqunyelelwa ntoni na uyenza mbi nje igusha?

Mhlawumbi ke imbi kum, okukhona intle kuxa inomsila kubantu abangawunqumliyo, kuba ke kakade ububi nobuhle buselisweni lomninilo. Bubuxelegu bomfuyi kum ukuyeka igusha nomsila ekungekho msebenzi wawo kuyo.

Le yokuba igusha ufike irhuqa igqesha elimdaka, elinyelayo nokulinyela, bubuxelegu. Igusha kaloku nokuba seyizama ukuwuphakamisa umsila awuphakami kuyaphi kuba ayinalawulo lungako kuwo, iwunyele ke, ingakumbi xa irhuda.

Ukungabinako kwegusha ukusebenzisa umsila wayo mna sesona sizathu ndiwunqumlela sona, ngaphezu komfaneleko nesiqhelo.

Bubuxelegu kum ukungayinqumli umsila igusha. Omnye umfo obeyolobola intombi kammelwana wam ngeegusha wafika nezo nto zirhuqa amagqesha amdaka, sathi amakhwenkwe mawayinqumle kwaoko leyo misila, igusha ibe yigusha ingabi ngathi yinja.

Ukuyeka igusha nomsila kufana nje nomfuyi onegusha enebhula. Ndicaphukela nobuhlanti bakhe umntu onegusha enebhula. Omnye umfo uke waziyeka iigusha zakhe zaxhwitheka uboya baphela bathi tu.

Ibithi igusha yakhe xa iqelele ucinge ukuba lugaga lomntu, ibe ngathi ngumntu onganxibanga ogaqayo.

Ezinye ubufika ingathi ligeza lendlela lirhuqa idlakadlaka lengubo elihamba lilala ngayo. Usathi yigusha ke leyo?

Igusha enomsila nenebhula andinakuyithenga nokuba selithobe kangakanani na ixabiso layo.

Ndithi ndihlinz’ igusha ibe ngathi ndihlinza inja okanye ndibhuqabhuqa ingubo yegeza! Suka!