IGwadana ayisosigqubu samagqwirha

Kude kufuphi nebhotwe eNqadu , Phezu koNdenga noManya , Tshitshilili ihlathan’elingelikhulu kuyaphi, Ihlathi elinodumo nendumasi , Aph’imfazwe yamaGcaleka namaKholoniyali yenzeka khona, Ayephi amagqwirha ngelo xesha? Ihlathi elinembali phezu koMphalala, Nabaprofeti babuye nemband’esikhova besaqobisa.

IGwadana yindawo ifana nezinye, Ayisosigqubu samagqwirha kuphela, Ntonje yinkolelo yabathile , Kodwa okholelwa kulo nto asinakumgxeka, Sisixeko phakathi kwezinye izixeko, Yingqokelela yeelali ezenza iGwadana Phantsi kweNkos’uMqeke – Ah! Bamb’ixhanti.

Kuthiwa likhaya lempundulu nezithunzela. Ndiva bebalisa ubugqi nobugqwirha , Ingqungquthela zobumnyama zikhonjwa eGwadana, Bathi likomkhulu lamagqwirha andinabungqina, Ndingqina endikubonileyo hayi endikuvileyo, Eyabathakathi yaziwa ngabathakathi, Abalisiwe amabali ngela hlathi, Bambi bengaqinisekanga, namaxoki angenelela, Nalowo ubalisayo engenabungqina Owazi ubugqwirha obuseGwadana Makachoph’ayichaze angabalis’intsom’emini, Ngokwenza njalo uyakuphum’iimpondo, Zesikwazi ukwabelana nesizukulwana kulo mbali yakhe.

Int’esiyifunayo ngabakhenkethi , Kutyalw’imali ulutsha lusebenze , Singabhucwa ngobende silambile, Siyabeva bebalisa asinakungqina nto, Siyabeva bethetha asizithetheleli , Siyilindele nencwadi yezishiqi zaseGwadana, Kulowo unokukwazi ukuchoph’ayichaze, Siyeke nje iqhinga lokonyelisa nokutshabhisa, Kugqunyelelwe imbali eyakhayo ngonobenani .

Linenkungu nasemini kodw’ayigqumanga bugqi, Inkungu litshivela ihamba ilala, Ingazibeka nakweyiphi intaba , Ayikhethi bugqwirha nabusuku, Ayikhaphi zithunzela nathikoloshe , Andisitheli ngesebe lenkawu, Ntonje ndiveza endikwaziyo , Ndingu Nodeliqabaka umbhali-sihobe waseGwadana.