Igwetyiwe indlala eLambasi

Igwetyiwe indlala kwisizwe samaMpondo eLambasi kumasipala waseNgquza eLusikisiki ngethuba abahlali bala ndawo kumbutho iFundirite bevuna bekwathengisa isivuno sabo kwinkampani yakwaKelloggs.

Le nkampani ithenge isivuno esiqikelelwa kumawaka amathathu eetoni zombona ozakujikwa wenziwe isidlo sakusasa. Othethe egameni lenkampani yabahlali iFundirite uSithembele Mpaqa nekwangabanikazi bomhlaba ekulinywe kuwo uyacacisa. “Ngemali esizakuyenza apha kule ntengo siyenza ngesi sivuno sijonge ukuthenga itractor ukuze sikhulise umsebenzi, uKelloggs ukwasinike uqeqesho ukusilungiselela esi sivuno basithengayo ngoku,”utsho uMpaqa.

Ukanti othethe egameni lenkampani yakwaKellogs uZama Zamisa uthi, bajonge ukudadela enzulwini besebenzisana nabahlali bale ndawo. “Siqale ngokubanceda aba bantu ngokubaqeqesha kuba besifuna bavelise ukutya okukulo mgangatho siwufunayo, sibafundise ukulima, ukulungisa umhlaba nezinye,” ucacise watsho uZamisa.

Eli phulo liqale emva kokuba inkampani yakwa-Anglo American yathi yanyukwa sisazela ngenxa yamanani abantu abaphuma kule ngingqi yamaMpondo besiya kusebenza emigodini. Othethe egameni lephulo iAnglo American iZimele, uHlonela Lupuwana-Pemba, uthi banenjongo ngokusebenzisana nabantu baseLambasi.

“Ngo 2014 size apha ku- Nkosi uMkwedini sacela kuye asijongele ukuba singenza ntoni sibambisene nabo, emva koko sathumela inkampani yabucala izekusenzela uphando olubonisa ukuba yintoni enokuveliswa apha, olo phando labonisa ukuba ngumbona nembotyi onokutyalwa apha,” utshilo uPemba.

Oku kwabangela ukuba inkampani yakwaAnglo American igalele imali ekwizigidi ezilishumi elinesine (R14 Million) ukuze kuqaliswe ukulima. Umphathiswa wesebe lezolimo ulobo namahlathi uSenzeni Zokwana uthi uyavuya kukubona inkqubela phambili kumaphulo okulwa indlala. “Kukho isivumelwano esisityikitye nelizwe laseChina, sizakuthengiselana iimveliso eziquka umbona, ngoko ke xa abantu beqhubeka bevelisa ukutya thina sixakeka sikhangela iindlela zokuba kuthengiswe oko kutya,”ucacise watsho uZokwana.

Ukanti inkulumbuso yephondo uPhumulo Masualle uthi urhulumente wephondo uyazidla ngalo msebenzi kodwa ufuna kwenziwe nangaphezulu. “Kula ngxowamali kuthiwa yiJobs Fund esuka kwi-ofisi kamongameli sifumene imali ekumakhulu amabini ezigidi zeerandi (R204 million) sicaphule kuyo ukuncedisa eli phulo,” utsho uMasualle.

Omnye wamafama asekuhlaleni uLiziwe Lubeleko uthi eli phulo lizakunceda ukuphelisa indlala kule ndawo yaseLambasi. “Ngaphandle kokuthengiselwa umbona wethu sizakufumana iingxowa ezilishumi elinesihlanu umzi ngamnye, lo nto ithetha ukuba sizakuhlala sinokutya side silime okunye ukutya,” utshilo uLubeleko.