Igwetyiwe indoda edlwengula amantombazana aselula

Ugwetywe iminyaka engamashumi amabini anesixhenxe enkoloza ngaphakathi eziseleni  uXolisa Solala ,27, waseDutywa yinkundla yengingqi yamatyala eGcuwa emva kokufunyanwa enamatyala amabini okudlwengula.

USolala wadlwengula ixhoba lowasetyhini oneshumi elinethoba iminyaka ubudala eNqabarha eDutywa ngo-2013. Esi sibini sasihamba kunye ngobusuku sisuka kwindawo yentselo, endleleni walijikela walidlwengula.

Isithethi samapolisa eGcuwa uKhapteni Jackson Manatha uthi, “Kwisiganeko sesibini uSolala, wadlwengula intwazana eneminyaka elishumi elinesihlanu ubudala ehlathini emva kokuyixutha koogxa bayo ebagrogrisa ngemela, ngethuba besuka ebholeni kuMangathi kwaseDutywa.”


Oku kwenzeka kwinyanga kaCanzibe ngo2015. Ngelithuba uSolala wayengaphandle ngebheyile emva kokudlwengula ixhoba lokuqala.

Inkundla yaseGcuwa imigwebe iminyaka esibhozo kwityala lokuqala lokudlwengula ze elesibini lokudlwengula intombazana yakuMangathi wagwetywa iminyaka engamashumi amabini engaphakathi nto leyo ithe yenza iminyaka engamashumi amabini anesibhozo iyonke.