Igwetyiwe indoda eyabulala umfazi abantwana bebukele

Ugwetywe ishumi elinesibhozo leminyaka uSicelo Nxeke onamashumi amahlanu anesihlanu ubudala malunga netyala lokubulala unkosikazi wakhe uNoluvo Mandondo (37), egwetywa yinkundla ephakamileyo yaseRhini.

Oku kwenzeka kwikhaya labo kwilokishi yaseSiviwe, ekwaziwa njengeStocks, eQumrha kwinyanga kaCancibe kunyaka ophelileyo.

UNxeke wabulala inkosikazi yakhe kuba ekhweleta emkrokrela ukuba ukrexeza namanye amadoda.

Abantwana bakaSicelo noNokuthula, uLiso Mandondo (13), uSisipho (15) kwakunye noIsiphile (8), babebukele bekhala bekwanqanda uSicelo besithi bacela asindise umphefumlo kaNokuthula.

Kodwa uSicelo zange asimamele isicelo sabantwana bakhe.

Wahlaba unkosikazi wakhe amanxeba aliqela, emhlinza namabele ekwamhlaba nasezimpundu wamshiya ethe tywa phantsi ebhubhile.

Ngaloo mini yesehlo uLiso wayengayazi ukuba umama wakhe ubhubhile, ngethuba embetha ngesandla esithi: “Mama ndicela uvuke.”

Kanti ngelo xesha, kudala ekobandayo uNokuthula. Abantwana besi sibini bathathwa basiwa kwizihlobo zikanina wabo eGoli.

Ingxelo ephuma kwisithethi samapolisa uKapteni Nkosikho Mzuku ithi le ndoda yaqala ngokuma phambi kwenkundla ingajiki isithi unkosikazi wayo wayekrexeza.

Uthi ekuhambeni kwexesha yaphinda yajika yalivuma ityala layo phambi kwenkundla.

Ityala beliphandwa ngempumelelo kaSajini uAyanda Sihu.

abongile.ginya@inl.co.za