Igwetyiwe indoda eyadlwengula inkwenkwana.

IZA kuchitha iminyaka elishumi elinesithoba entolongweni indoda ehlala kumatyotyombe aseZiteneni kwilokishi yaseBika, egama linguYandisa Jonas, 28.

Esi sehlo senzeke kweyeNkanga 2017 kusasa ngethuba ixhoba lithunywe amanzi koompompi eZiteneni. 

Ngokwengxelo ephuma kothethela amapolisa ala mmandla uKapteni Jackson Manatha, ixhoba ladibana endleleni noJonas lisikha amanzi walirhuqa, elirhuqela kwityotyombe lakhe apho wafika walivingcela, ezenzela ngolunya kulo. 

Isigwebo siwiswe ngoLwesine (izolo) yinkundla eGcuwa.

Ityala lavulwa kwisikhululo samapolisa eMsobomvu umrhanelwa wabanjwa njengoko wayesaziwa lixhoba.
UMkomishinala kumaPolisa ePhondweni uNjengele Lt Liziwe Ntshinga ubongoze amanina kwakunye nabantwana ukuba bahlale bezichaza iziganeko zokuxhatshazwa. UNtshinga usamkele esi sigwebo.
Kusenjalo, kubanjwe indoda, 34, yaseHlakothi eXhorha emva kokuba ivingcele intwazana ene12 leminyaka ubudala kwikhaya layo nebanga ukuba yintokazi encuma nayo lo mntwana. 
Kuvakala ukuba intwazana le iduke ngenyanga yeSilimela nakule sikuyo kanti ivingcelwe yile ndoda. 
Usapho lwexhoba limbhaqe kwikhaya lale ndoda. UManatha uthi indoda ilindeleke ukuvela kwinkundla yaseXhorha kungekudala.