Igwetyiwe indoda eyadlwengula umfazi wayo!

Inkundla yamatyala engingqi kuCentane iwise isigwebo seminyaka elishumi elinesibhozo kwindoda enamashumi amahlanu ananye ubudala, emva kokuba ifunyenwe inetyala lokudlwengula inkosikazi yayo ene18 leminyaka ubudala.

Le ndoda igwetywe ishumi elinesibhozo ihleli ngaphakathi entolongweni.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samaPolisa ala mmandla, uKapteni Jackson Manatha, le ndoda, 51, kwakunye nonkosikazi wayo, 18, bebesele bohlukana nanjengoko inkosikazi ibisele ihlala kowayo ingasahlali emzini wayo nomyeni wayo ngenxa yeengxabano zabo.

UManatha uthi inkosikazi yadlwengulwa ngethuba iyokulanda iimpahla zayo emzini wayo.

“Ukufika kwayo le nkosikazi ekhayeni, indoda yavala ucango yazingenela ngenkani emfazini wayo imdlwengula. Oku kwenzeka kusasa phambi kwentsimbi yeshumi elinanye emzini wabo kwilali yaseMthwaku kwaFeni. Kusenzeka kwinyanga yoMnga kunyaka ophelileyo,” utshilo uManatha.

Uqhuba uthi emva kokuba indoda igqibile yayalela inkosikazi yayo ekubeni ithathe iimpahla ezi bizozilanda.

Lo mfazana wathatha iimpahla zakhe wemka, wadlula kwisikhululo samapolisa sakuCentane wachaza le ngxaki. Umyeni waye wabanjwa kwangoko ngabecuphi baseGcuwa abakwicandelo elijongene nokulwa ubundlobongela kwanokhuseleko lwabantwana kwakunye namanina.

Umyeni akachazwanga ngegama ukukhusela ixhoba.

UMkomishinala wamaPolisa ephondweni, uNjengele Liziwe Ntshinga, usamkele esi sigwebo esinikwe le ndoda. UNtshinga uthi esi sigwebo iya kuthi ibe sisifundo kumanye amadoda nokuba ngumyeni okanye indoda oncuma nayo. Uthi abafazi mabahlonipheke uhayi ibenguhayi.