Izakuchitha iminyaka engamashumi amabini (20) ngaphakathi ejele intwazana yaseNtyweka, uYonela Mbaxa (29), emva kokuba egwetywe yiNkundla ePhakamileyo yamaTyala yaseMakhanda malunga netyala lokudubula abulale obethandana naye uSibusiso Lawrence Ncedo. Ngaphezulu kwale minyaka (20), kongezwe emibini eyokuba nompu ngokungavumelekanga.
Ngokwengxelo, esi siganeko senzeka ngomhla we27 kwilali iNtyweka eNqanqarhu ngoAgasti ngonyaka ka2022. Esi sibini sachitha ubusuku konywatyiwe behleli nabamelwane baso ngethuba uMbaxa eqaphela ukuba uNcedo unompu, nowaye wawuthathela kuye wayokuwufihla.
Ngokwengxelo yesithethi seNPA uLuxolo Tyali ithi, esi sibini saye sabanengxabano yesikhwele ukufika kwaso endlini ngobo busuku nekulapho uYonela wakhupha umpu ebewufihlile, wadubula uNcedo nowamchana emqolo xa wayezama ukubalekela phandle uNcedo wabhubha kwangoko.
“Esi sigwebo sibonakalisa ukuba utshutshiso luzimisele ukuqinisekisa ukuba abo bathi babulale abathandana nabo bazakuthi bohlwaywe. Aba babulalane ngenxa yesikhwele betyholana ngokungathembani. Sikholelwa ukuba esi sigwebo sakuthi sibonise abantu ukuba zikhona iindlela zokulungisa iingxaki ngaphandle kokubulalana,” utshilo uTyali.
UMbaxa ngomhla we28 kwinyanga ephelileyo uye walivuma ityala ze wagwetywa kule veki.
ElaseTopiya lihamba phambili ngeenkomo eAfrika