Izakuchitha iminyaka elishumi ngaphakathi ejele inkosikazi yaseKaladokhwe eNxuba emva kokuba ithe yafunyanwa yiNkundla yamaTyala yeNginqi inetyala lokubulala umakhelwane wayo onguThembisile John Mondo kwakunye nomama wesibini (stepmother) wayo uNontsokolo Mthathi (60).
Le nkosikazi negama layo inguYvonne Brouwers (29) ngomhla wokuqala ngoFebhuwari ka2023, uBrouwers waya emzini kaMondo kwisitalato iMasibambane eyokumqweqwedisa kuba uMondo engxolise umntwana wale nkosikazi.
Ngokwengxelo yesithethi seNPA uLuxolo Tyali, ithi ingxwabangxwaba phakathi kwesi sibini yaye yonyukela nalapho le nkosikazi ithi yathatha imela yahlaba uMnondo kuba ithi yayizivikela kuMondo.
Emva kweso sehlo le nkosikazi yangena kumzi onesici kwasekuhlaleni neyafika yazichaza ukuba ibulele uMnondo. Akukho namnye owaye wamkholelwa kungazange kufowunelwe namaPolisa.
Ingxelo iqhuba ithi ngosuku olulandelayo kwaye kwafunyanwa umzimba kaMnondo kwaye umenzi wabanjwa nowaye wathi wakhululwa ngebheyile.
Kusenjalo nge25 Febhuwari 2024, uBrouwers ngethuba esengaphandle ngebheyile, wabulala uNontsokolo noyinkosikazi katata wakhe (stepmother) nowambetha ngejagi entloko ngethuba babexambulisana ngezabo ekhayeni.
UMthathi wabalekiselwa esibhedlele eyokufumana unyango wabuyiselwa ekhayeni kwangoko. Ekubuyeni kwakhe wafumana ubunzima kwiintlungu zasentloko. Oyena nobangela wokubhubha kukaMthathi, uhlinzo lwabonakalisa ukuba waye wophela ngaphakathi ngethuba wayebethwa ngejagi yintombi yomyeni wakhe uBrouwers.
I-NPA isamkele esi sigwebo ngelithi esi iyakuthi ibesisifundo nakubani na, nokubonisa ukuba ulwaphulo mthetho nezenzo zeGBV azinasini sitheni.
ElaseTopiya lihamba phambili ngeenkomo eAfrika