Igwetyiwe inkosikazi ngokutshisa udade wayo, isizathu yibhetri yemoto!

Iza kuchitha iminyaka elishumi elinesihlanu (15) ingaphakathi entolongweni inkosikazi egama linguSinazo Mrwetyana (30) emva kokufunyanwa yinkundla yamatyala yaseNxuba enetyala lokuzama ukubulala usisi wakhe onguSindiswa Mrwetyana (41).

Ngokwengxelo yesithethi seNPA eMpuma Koloni, uLuxolo Tyali, ithi uSinazo ulivumile ityala lakhe lokuba wagalela usisi wakhe ngesipirithi emva koko wamlayita wavutha ukuqala entloko.

Oku kwenzeka bekwikhaya labo eLingelihle eNxuba (Cradock) ngoNovemba wonyaka ophelileyo ngo2023.

Ingxelo iqhuba ithi ogwetyiweyo ulivumile ityala esithi wayezintyintye ngotywala kumzi othile owawunomcimbi kwapha ekuhlaleni.

USinazo uxelele inkundla ukuba waqaphela ukuba udade wabo omdala uSindiswa uthengise ibhetri yemoto kamama wabo nokwaye oko kwakhokelela kwingxabano kwanokutshisana.

Ingxelo ithi uSinazo wathi akubona ukuba usisi wakhe utsha manyani entloko wabaleka eyokukha amanzi ekhitshini ezama ukucima umlilo kusisi.

USinazo ulivumile ityala kwaye wabonakalisa nokuzisola ngesenzo asenzileyo phambi kwenkundla ngokokutsho kukaTyali.

Ngethuba kuqhuba ityala, umtshutshisi u-Unathi Kwebulana, uphindaphindile efuna ukuqinisekisa ebuza ixhoba (Sindiswa) ukuba liziva njani ngale meko. Ixhoba lithe liyamxolela usisi walo omncinci ngesenzo awasenza kuye, kodwa ingalo yomthetho mayidlale indima yayo.

Ngethuba kufundwa ingxelo yogwetyiweyo (Sinazo) phambi kwenkundla, ifundwa ligosa uFundiswa Soni, uthe ubomi bakhe (Sinazo) buvele batshintsha ngokukhawuleza oko kwenzeka oku.

UMlawuli wezoTshutshiso eMpuma Koloni, uBarry Madolo, usamkele esi sigwebo watsho wancoma oogxa bakhe kwingalo yomthetho ngobambiswano nangomsebenzi abawenzileyo.