Igwetywe iminyaka emihlanu indoda eyadlwengula intwazana ena-11

 

Igwetywe iminyaka emihlanu kuphela indoda yelali yakuGomolo eSajonisi eyadlwengula intwazana yetshomi yayo, igwetywa yinkundla yamatyala engingqi yaseSajonisi. 


Eli tyala belichotshelwe ngoLwesine enkundleni.


Le ndoda nguPhakamile Guleni nonamashumi amathathu anesixhenxe (37) ubudala. Lona ixhoba lineshumi elinanye (11) ubudala.

Ingxelo ephuma kwisithethi samapolisa kula mmandla uKapteni Nozuko Handile, ithi ixhoba lalilele lodwa kwigumbi likaninakhulu walo, engekho yena uninakhulu ngethuba utata wakhe efika noGuleni ebusuku besuka kwindawo yentselo kweyoMnga ka2017.

UHandile uthi uGuleni wacela indawo yokulala kugxa wakhe ongutata wexhoba kuba besuka kwindawo yentselo. UGuleni wathi akubona ukuba ugxa wakhe ukobude ubuthongo kwaye nexhoba lilodwa wachwechwela ixhoba wafika wazenzela elidlwengula.


UGuleni uzakuchitha iminyaka yakhe emihlanu ngaphakathi ejele.