Igwetywe iminyaka eyi18 indoda eyadlwengula umntwana ona8

EKAPA: IINKOKHELI zabahlali baseMfuleni zisiqhwabele izandla isigwebo seminyaka elishumi elinesibhozo esinikwe indoda eyadlwengula umntwana oneminyaka esibhozo.

Le ndoda eneminyaka engama51 yabanjwa ngabahlali isenza esi senzo simasikizi kwindlu abahlala kuyo belusapho eHappy Valley kweyeKhala kulo nyaka uphelileyo.

Usihlalo wamapolisa okuhlala eMfuleni, uBongani Tyembile, uthe kufuneka bunyhashwe ubundlobongela obujoliswe kwabo babuthathaka kwaye le ndoda ayisokuze iphinde iwubeke umcondo wayo kule ngingqi.

“Asinakuhlala nesilwanyana esinje. Lo mntu ufanelwe yijele. Mdala ngokwaneleyo ukuba abengutamkhulu walo mntwana. Ebethathwa njengotata ngabahlali kanti wenza eli nyundululu. Asithandabuzi ukuba esi sigwebo nomsebenzi omhle owenziwe ngamapolisa uza kuthumela umyalezo ongqongqo kubadlwenguli. Esi sigwebo samkelwa ngumntu wonke waseMfuleni,” utshilo.

Isithethi seIlitha Labantu, umbutho oneminyaka engama30 usilwela amalungelo wabantu nokuxhatshazwa koomama nabantwana, uSiyabulela Monakali uthe: “Sibongoza isebe lezobulungisa ukuba liwathathele ingqalelo ngokukhawuleza onke amatyala okuxhatshazwa koomama nabantwana kwaye abenzi banikwe isigwebo eside ejele. Lo nto iza kuthumela umyalezo wokuba akwamkelekanga ukuxhatshazwa kwabo nokubadlwengula ngokunjalo,” utshilo.

Isithethi samapolisa uAndre Traut uthe: “Le ndoda eneminyaka engama51 yabanjwa ngabahlali ngelixa yayidlwengula lo mntwana kwindawo abahlala kuyo eHappy Valley. Abahlali baye baya kumangala emapoliseni. Umrhanelwa wabanjwa kwangoko. Emva koko amapolisa aye enza uphando olupheleleyo. Lo nto yenze ayafumana bunzima inkundla yalilungela eli tyala. Inkundla kamantyi yaseBlue Downs imnike isigwebo eside,” utshilo.

UTraut uthe nawo amapolisa aseNtshona Koloni asamkele esi sigwebo seminyaka elishumi elinesibhozo. “Siyathemba ukuba sizakuphelisa ukuxhatshazwa koomama nabantwana,” utshilo.

michael.nkalane@inl.co.za