Igwetywe izihlandlo zobomi indoda yaseNgqushwa!

 

Indoda yaseNgqushwa, uXola Mayedwa (35), ugwetywe ubomi izihlandlo ezibini emva kokufunyanwa enamatyala okudlwengula yiNkundla ePhakamileyo yamatyala eBhisho.

Esi sigwebo samkelwe nguMkomishinala wesithili uBrigadiya Ngangema Xakavu.

Ingxelo ithi uMayedwa waxhaphaza ngesondo abantwana abangamantombazana abathathu ona9, 11 kwakunye nona13. Oku kwenzeka kwindawo yaseBongweni ngeyoMsintsi ka2018.

UKapteni Khaya Tonjeni udiza ukuba umrhanelwa wabanjwa kwangoko, wavela kwinkundla yamatyala eNgqushwa. Waye wayalelwa ibheyile emva kokuvela amatyeli ngamatyeli enkundleni, emva koko ityala lakhe ladluliselwa kwiNkundla ePhakamileyo eBhisho ngo2019.

UMayedwa waye wafunyanwa enetyala kweyeDwarha 2020, ze isigwebo sawiswa kule veki.

UMkomishinala wePhondo uNjengele Liziwe Ntshinga uqhwabele izandla abecuphi beli tyala, esithi oku kwakuthumela umyalezo osisifundo nakwabaninzi.