Igwetywe ubom inkosikazi yaseMthatha

Yinkosikazi enamashumi amahlanu (50) egama linguNomnandi Mabhude kwakunye nomfana onamashumi amabini anesihlanu uThando Tshezi (25) abathe bagwetywa ubom ejele yinkundla yamatyala ephakamileyo yaseMthatha emva kokufunyanwa benetyala lokubulala kwanelokuxhwila inkwenkwana.

Ngokwengxelo ephuma kuKapteni Edith Mjoko, le nkosikazi kwakunye nalo mfana babanjwa kunyaka ophelileyo baze babekwa ityala lokuxhwila kwanelokubulala inkwenkwe eyayineminyaka elishumi elinesine ubudala. Le nkwenkwe emva kokubulawa kwayo yabhaqwa inyengezwe kwizindlu zangasese zesikolo.

Uphando olwenziwa ngabecuphi lakhokelela ekubanjweni kwaba barhanelwa babini.

Inkumanda yamapolisa uBrigadiya Mtutuzeli Mtukushe usamkele isigwebo esinikwe esi sibini.

Kusenjalo, limisiwe ityala lentwazana enamashumi amabini anesibini ubudala (22) yaseSt Francis Bay ejongene nokuhlaba ibulale enye intwazana enamashumi amathathu ubudala (30) emva kwengxabano evele kwindawo yentselo.

Ngokwengxelo yesithethi samapolisa ala mmandla, uSajini Majola Nkohli , ingxwaba-ngxwaba le phakathi kwala magqiyazana mabini ivele ezinzulwini zobusuku besengaphakathi kwindawo yentselo.

“Oku kwenzeke ngeCawa emva kwentsimbi yesibini ekuzeni kusa kumatyotyombe iSea Vista eSt Francis Bay, ngaphakathi kwindawo yentselo. Indawo yentselo iye yavala, kulapho umlo wesi sibini sala magqiyazana uye waqala phantsi kwakhona ngaphandle kwindlela egodukayo.”