Inkundla yamatyala yengingqi yaseTsomo igwebe ubomi obeyiNkosi uMasibonge Magodla (35) emva kokumfumana enetyala lokubulala ixhego elinama94 eminyaka ubudala laselalini kuba elityhola ngokuba liyamkrwitsha xa elele.
Ngokwengxelo ephuma kwiNPA, ithi, ngomhla we19 ka-Epreli 2022, ixhoba (94) labhaqwa emzini walo kwilali iMagodla eNgqamakhwe ilujaja ligazi kwaye sele libhubhile libonwa ngumzukulwana walo oneminyaka emihlanu (5) kuphela nowaye wabiza intombi enkulu yexhoba yabe ifika isuka esifihlweni ngolo suku.
Ngethuba ebhaqwa utamkhulu, kwakusemini emaqanda kungaziwa ukuba oku kwenziwe ngubani kuba wonke umntu elalini wayesemngcwabeni owawulapha kule lali ngolu suku.
Isithethi seNPA, uLuxolo Tyali, uthi, ngethuba abahlali basangungelene kweli khaya ukuzozibonela esi sehlo, kwafika umfana uthile welali waxelela ilungu elinye losapho bucala ukuba ngentsasa yangale mini yesiganeko, uNkos’ uMagodla wathi kuye nakwabanye abafana ufuna bamncedise ekubeni abulale utamkhulu isizathu esithi kukuba uyamkrwitsha ebusuku emathongweni xa elele. Umfana lo watsho ebiza ngamagama abo wayecelwe nabo nguNkos’ uMagodla nabaye bayingqina injalo xa bebuzwa.
Abecuphi betyala ekuqhubekekeni kwabo nophando baye bathatha iimpahla ezazinxitywe ngumrhanelwa ekubeni ziye kuvavanyo, ngenene iziphumo zaye zabuya emva kwexesha zingqina ukuba oku kwenziwe yiNkosi nanjengoko igazi lexhoba lafunyanwa ngaphantsi kwesihlangu nakwisilamba somrhanelwa, watsho wabanjwa kwangoko.
Ngethuba kuqhuba ityala, uMagodla wathi akanalo ityala watsho etyhola omnye umntu. Umtshutshisi wenkundla, uThando Ndzube, wabeka ubungqina etafileni bamangqina asibhozo (8) ngaphezulu waveza neziphumo zeDNA. Amahlanu amangqina kula asibhozo ngalawo ayecelwe yileNkosi ekubeni bamncedise.
La mangqina aye axelela inkundla indlela eyayinomsindo ngayo iNkosi isithi iza kuzenzela ngokwayo xa babemxelela ukuba abazokwazi ukuwenza lo msebenzi ibacela ukuba bawenze.
Kwakula mangqina asibhozo abanye ababini ngamalungu osapho nathe achazela inkundla ukuba iNkosi ngethuba bekulo mzi kwindawo yexhwayelo yabayalela ukuba kungabizwa mapolisa koko kubizwe imoto yezidumbu.
UMlawuli wezoTshutshiso eMpuma Koloni, uBarry Madolo, uqhwabele izandla watsho encoma namangqina ngentsebenziswano, ukuzinikela kwawo kwanokungavumi kwabo ukuzibandakanya nolwaphulo-mthetho ngethuba becelwa yile Nkosi yesizwe saMagodla.
UHugo Broos uzityanda igila ngokudlalisa uVeli Mothwa izolo