Iibhiliyoni zokuncedisa abafundi kwiiyunivesithi

URHULUMENTE okhokelwe yi-ANC uthembise ngemali ebalelwa ku4.6 weebhiliyoni zeerandi kwingxowa-mali yemfundo kubafundi abakwiiyunivesithi zeli.

Kujongwe ngamehlo abomvu ukuba ayizuvuka kusini na intshukumo yabafundi njengoko kuzoqaliswa ukubhaliswa kwiiyunivesithi zeli. Njengoko lo nyaka ikwangunyaka wonyulo koorhulumente basekuhlaleni i-ANC kunyanzeleke ukuba igxile kwimfundo ephakamileyo nangona imeko ingekho ntle kuqoqosho. Kwintetho yomhla wesibhozo kaJanyuwari umongameli weli uJacob Zuma uthe, intshukumo yabafundi imkhumbuza eyango1976.

UZuma uthe, urhulumente weli ubekele bucala imali ebalelwa ku 2.6 weebhiliyoni ekuncedisaneni neeyunivesithi zeli njengoko amaxabiso emfundo angazunyuka kulo nyaka. Ukanti urhulumente uzakongeza iibhiliyoni ezimbini kwingxowa-mali yabafundi uNSFAS.

Le ngxowamali izakuqinisekisa ukuba abafundi abasenetyala abavalelwa ngaphandle kubhaliso lwalo nyaka. UZuma ukwathe iibhiliyoni ezimbini zongezwe kwisabelo mali esele senziwa kwi NSFAS ka 2016/2017. Ulumkise abafundi ukuba bangabi nobundlobongela xa beqhankqalaza.

“Lilungelo lakhe wonke ubani ukubamba uqhankqalazo, kodwa oko makwenziwe ngoxolo, ukutshatyalaliswa kwezakhiwo nobundlobongela esikhe sabubona abunandawo kwidemokrasi,” utshilo uZuma.

Ukwathe iiyunivesithi kwakunye neenkampani zabucala mazenze igalelo kwisisombululo semfundo ephakamileyo, ngakumbi kwabo bantsundu. Usosiba jikelele we ANC uGwede Mantashe uthe, imfundo yamahala yeyabahluphekileyo kuphela.

UMantashe uthe i-ANC yenza konke ukuba abafundi abaphuma kumakhaya ahluphekileyo bangahlawuli kwanto ukususela kumabanga aphantsi. Uqhube wathi, “Ngeke silindele abantwana babaphathiswa ukuba bangabhatali mali, nabo bakwaziyo ukubhatala.”

Ulebele ngelithi, “Ukuba ndiyakwazi ukubhatalela imfundo kodwa ndifaka isicelo ku NSFAS ndiba kwabahluphekileyo.”