Iicawe mazingagxothi uSathana kuphela

Icawe asiyo nto yokushumayela iguqule uluntu okanye igxothe uSathana kuphela, koko ikwanoxanduva lokuphuhlisa uluntu ngokubanzi ekuhlaleni.

Oku kuvakale ngethuba imibutho engenanto yakwenza norhulumente ejongene nokuphuhlisa uluntu neenkolo ezahlukeneyo eMonti, iFaith in Action, ibambe inkomfa ngempelaveki kwibandla laseDowntown eMonti.

UMandisa Dukashe weZanoncedo Empowerment Centre, nokwangumququzeleli wenkomfa iFaith in Action, uthi kufikelele ixesha lokuba abakhonzi basondele eluntwini.

“Awukwazi ukuthandazela umntu kuba esithi ulambile okanye akanampahla, kube kungekho nto umnika yona ukuze ase phantsi kwempumlo. Sinika ithuba ekubeni onento ebikade imtya ekuhlaleni qha engazazi ukuba angaqala ngaphi, eli iba lithuba lokuba umntu azazi ukuba angenza ntoni,” utshilo uDukashe.

Ngaphakathi bekukho izithethi ezohlukeneyo nazo ezaqala phantsi zingenayo nemdaka isenti, injongo ikukunceda uluntu kwaye nokuba khuthaza. “Ngokwenjenje sizofaka izazela eluntwini ukuze uphuhlise indawo okuyo, akudingeki ukuba ube nemali ukuba ufuna utshintsho kwaye unentshisakalo ngaphakathi oko kungenzeka. Sadalwa nguThixo ngenjongo kwaye akasiniki umthwalo esingenokwazi ukuwuphakamisa. Uthi ngokwenza inguqu ezilolu hlobo ezinkonzweni, kulapho noluntu lakuthi lusondele elizwini likaThixo ngokubona intshukumo eyenziwa ngamakholwa ngokuphuhlisa iindawo zokuhlala.

Kule nkomfa kuninzi okuhlafuniweyo, kuthethwe ngezona zinto ziyimingeni ekuhlaleni ezifana nokhulelo lwabantwana abangamantombazana abaselula, udlwengulo lwabantwana, ukusetyenziswa kweziyobisi nendlala. Ezo zizinto ebekusizwa namacebo okulwa nazo.

UNontando Mkhencele weDestiny Women and Girls, uthe umntu makahlale eyazi ukuba abukho ngaye kuphela ubomi, kuninzi afanele ukwenza ngaphandle, makazazi umntu ukuba unoxanduva. Uthi impumelelo ayikho ngokuba ube nemali, unako ukuqaqamba ube sisibane nakwindawo okuyo ngokusebenzisa amandla kwakunye nengqondo. “Igama lakho malibeyi mbali entle ngawe”.

Ukanti noNomfuneko Salaze weKusile Women Empowerment Centre eCumakala, ejongene nokuphuhlisa amanina, uthi mininzi imingeni athe wagagana nayo ejongene namanina aseCumakala efana nokudlwengulwa kwabantwana, kambe abanye ngabathandana nabo. Uthi amanina mawazazi ukuba mahle. afunde, angavumeli kuxhatshazwa ngamadoda.