Iikholeji zeTVET maziyeke ukubhanxa abantwana

Kule veki sifumane ithuba lokuzimasa ukuvulwa komzi woveliso wakwaYekani Manufacturing pha eIDZ eMonti.

Ibali elipheleleyo nemifanekiso ikwiphepha lesine kweli lanamhlanje. Xeshikweni kucaciswa umsebenzi wale nkampani kucace gca ukuba basebenza ngobuchwepheshe bobuxhakaxhaka banamhlanje obufuna izakhono ezithile.

Umfundi ofundele ukuba yinjineli angakwazi ukungena phaya. Umfundi ofunde ngezombane angakwazi ukungena phaya. Umfundi ofundele nawuphi umsebenzi wezandla angangena phaya. Baceba ukuvula izithuba zemisebenzi eziliwaka kulo nyaka.

Naku ke ukwenzeka. Kufumaniseka ukuba abantu abanezi zakhono namava agqithisileyo asinabo kweli laseMzantsi Afrika. Kufuneka kuyokulandwa abantu koomaChina nooIndia ukuze bakhokele iinkqubo zobuxhakaxhaka bobuchwepheshe banamhlanje. Njani? Kanti ezi kholeji zeTVET zibafundisa ntoni abantwana bethu?

Usakukroba amakhasi omnatha wezi TVET uye ufumanise ukuba bafundisa abantwana ezonxibelelwano, ezokhenketho, ukuba ngabaphathi bamashishini okanye oomanejala, njalo njalo.

Ezi zezona kulula ukungena kuzo kwaye ukuba uphume esikolweni ungapasanga kakuhle ungatsibela kwezi zifundo kulula ukungena kuzo. Ingxaki ngazo yeyokuba ingqesho inzima kuzo ngoba uza kukhuphisana nabantu abafundele kwale nto inye, ifana neyakho, kwiiyunivesithi.

Kuza kuqeshwa bani phakathi koyifundele kwiyunivesithi noyifundele kwiTVET? Zikhona ke nezifundo zobunjineli neminye imisebenzi yezandla ethi ifumbathise umfundi ngezakhono ezilulutho anokuthi umntu azenzele izinto engaqeshwanga.

Ingathi ngebeqinisa kwezi izifundo kwiiTVET kwaye bajonge neendawo ezifana neeYekani nakoomaChina, bajonge ukuba zeziphi na izakhono ezinokusinceda kweli laseMzantsi Afrika.

Apha eMzantsi Afrika bekumele ukuba siphala phambili kwezobuxhakaxhaka banamhlanje; bekumele ukuba senza iifowuni, TV, yonke lo nto ngokwethu.

Izikolo kufuneka ziqeqeshe kwaye zisinike abantu abaza kusebenzela iimfuno zoluntu.