Iimaski zokubika uxhatshazo nodushe

EMVA kokuqwalasela iingxaki ezijongene namaziko emfundo yoonomngqushwana (ECD), eziquka inkxasomali kwanokusilela ekuthobeleni imiqathango yeCovid-19, iFama yoPhehlo-mbane ngoMoya yaseJeffreys Bay (Jeffreys Bay Wind Farm) ixhase ngemali iprojekthi yokwenza iimaski ezingamawaka amahlanu (5 000).

Ezi maski zenziwe ngumbutho ongenanto yakwenza norhulumente wasekuhlaleni iOn Eagles Wings Multi-Purpose Centre ze zanikezwa abafundi ukusuka kuPre-Grade R ukuya kuGrade 4. Amaziko emfundo yoonomngqushwana athe axhamla angamashumi amabini, ze zona izikolo zamabanga aphantsi (primary) zalishumi elinesine. Elinye lamaziko axhamle kwesi sipho, yiNoah’s Ark ePellsrus eJeffreys Bay.

Ngokuhambelana neenzame zeOn Eagles Wings zokuxhasa nokukhusela amaxhoba odushe olujoliswe kwisini, yonke imaski ethungelwe abantwana ishiywe nenombolo apho ubani angabika khona izehlo zodushe noxhatshazo.

“Ngokunika isivumelwano kulo mbutho ungenanto yakwenza norhulumente (NGO), le projekthi ayiphelelanga nje ekukhuseleni abantwana abancinane, kodwa ikwadale nemisebenzi yethutyana kumalungu alo mbutho nanjengoko ebethunga futhi epakisha ezi maski,” utshilo uHlengiwe Radebe, uMlawuli woPhuhliso lwezoQoqosho kwiFama yoPhehlo-mbane ngoMoya yaseJeffreys Bay.

Iqela lamakhosikazi amane aseOn Eagles Wings belithunga ezi maski emakhayeni wabo, ngenxa yemiqathango yokuvalwa kweentshukumo elizweni, logama uMercy Cwayi yena ebejongene nokuthathwa kwanokuthuthwa kwezi xhobo zokuqhuba lo msebenzi.

“Ukongeza kwezi maski, uninzi lweqela lethu, luthe bhazalala eluntwini lufundisa abantu ngendlela yokuzikhathalela kwanokukhathalela abanye abantu ingakumbi abantu abadala. Siyaqhuba nokwabelana ngomyalezo wokubaluleka kweesanithayiza, ukuhlamba izandla, ukukhathalelwa kweemaski kwanokungasondelelani kwabantu. Siyathemba ukuba ukuzinikela kwethu eluntwini kungenza umahluko kweli xesha linje ngeli sikulo,” utshilo uCwayi.

Kwiveki ephelileyo, uSekela Mphathiswa weSebe loPhuhliso loLuntu kuZwelonke, uHendrietta Bogopane-Zulu, uvakalise ukuba ubuninzi bamaziko emfundo yoonomngqushwana akakavuli ngenxa yokuba asasilela ekuthobeleni imiqathango yokukhusela iCovid-19.