Minyaka le isebe lezolimo nophuhliso lwamaphandle likhuthaza amanina akwezolimo ngokubanika iimbasa ngenxa yomsebenzi wabo. IMpuma Koloni lelinye lamaphondo apho amanina ahamba phambili kwezolimo, elima ekwafuya nokufuya.
Kumaxesha angaphambili ukulima nokufuya kwakusaziwa njengento efanele amadoda kuphela. Lo msitho wokuwongwa kwamanina uzakuqhutyelwa eFeather Market Square eGqeberha.
Kunyaka ophelileyo ezi mbasa beziqhutyelwe kuQumbu kuMasipala waseMhlontlo. Izangxa ezingamanina kwezolimo eziquka uSiphesihle Kwetana waseMthatha zaphuma ziphethe iimbasa ngambini kulo msitho.
UMphathiswa wesebe lezolimo nophuhliso lwamaphandle eMpuma Koloni uNonceba Kontsiwe nguye ozakuba egqithisa ezi mbasa encediswa ngamagosa akhe.
“Injongo yezi mbasa kukunika imbeko kwanokuxhobisa amanina azinikeleyo kwezolimo kwiphondo leMpuma Koloni,” kutsho uKontsiwe.
Amanina afumana ezi mbasa akumanqanaba ahlukeneyo ezolimo, akwashiyana ngomyinge womsebenzi abawenzayo.
Abafumene iimbasa kunyaka ophelileyo bagoduka befumene imali yokuzikhulisa nokugcina amashishini abo eqhuba logama bekwanabisa iimpiko zabo kwezolimo.
Ezi mbasa zandulelwa ziimbasa ezithi ziqhutywe kwizithili ezahlukeneyo zephondo nalapho kuthi kukhutshwe amafama angamanina ahamba phambili.
Amafama aphumelele apha azakumela iMpuma Koloni kwiimbasa zamafama angamanina kuzwelonke ekupheleni kwalo nyaka.
UNasreddine Nabi uthi uyayazi into efunwa ngabalandeli beKaizer Chiefs!