Iimbuso ezintsha kumculo weMpuma Koloni

BABONWA kumaqonga amakhulu omculo kweli phondo nakwilizwe jikelele, basaze ngobuso elizweni kwaye banamazwi athi ndimamele.

USive Dumbisa, 26, imvumi yomculo wohlobo lwe-AfroSoul kunye no-Odwa Nokwali ocula iAfroJazz, emva kokutshila kwiqonga elikhulu leMoshito eRhawutini kwiveki ephelileyo batyelele amagumbi wethu wephephandaba I’solezwe.

USive Dumbisa, yinzalelwane yelokishi yaseMchubakazi eGcuwa, yimvumi nomqambi weengoma. UDumbisa, nofunde izifundo zeAccounting kwiYunivesithi yaseWalter Sisulu, uqale ukucula ngethuba esenza unyaka wokuqala kwimfundo enomsila, nalapho wayetshila kumaqonga amancinane.

Ukhumbula mhla eqala ukucula: “Kwakukho ikhonsathi eyayikhangela italente kwiCarnival kulapho ndenza khona iAudition ndaze andaphinda ndajonga umva.” USive, nosebenza kwingoma yakhe ezakuphuma kwiveki ezayo negqala lomngqungqo uNduduzo Makhathini, uthi yena ubhala ngeziganeko ezehla kubomi boluntu.

“Ewe nobam ubom bukhona, kodwa nayiphina nekabani na imeko ndiyabhala ngayo… ingakumbi xa indichukumisile,” utsho uSive.

Ukanti yena uOdwa, nozalelwe kwisithili saseClarkebury, uqale ukucula ngonyaka ka2007, ecula enkonzweni. UOdwa ngomnye weemvumi eziselula eziphumelele kwitalente yokhuphiswano lomculo (Eastern Music Talent).

Akaphelelanga nje ukukhupha uncuthu lomculo emlonyeni, kodwa uOdwa ukwanguManejala oququzelela imicimbi yezolonwabo. Omabini lamagatyana, akholelwa kwelokuba kusekude apho asingise khona.

USive, sele evela kutshila kumaqonga amakhulu afana neNational Arts Fest, imicimbi karhulumente, ECAVC, Moshito njalo njalo.

Eli gatyana likholelwa ukuba umculo walo uzakuhamba ufikelele kumanye amazwe antetho izilwimi ezohlukeneyo.

UOdwa yena uthi umculo wakhe uqwalasele imiba ethwaxa ilizwe nelizwekazi leAfrika jikelele. USive yena uthi uloyiko luyamsebenzela xa ekhwele eqongeni. “Ndiqwalasele ntonye ukuba xa ndisoyika kukhona ndizakucula ngokuxolisayo.”

Ingoma yakhe ethi “Ntombazana’’ izakuphuma kwiveki ezayo. Kwakhona uSive, uthi unqwenela ukuba yimvumi ebhala umculo omamelekayo neyenza umdla ebantwini xa eseqongeni.

U-Odwa yena uthi unqwenela ukuba zonke iimvumi ezingafumani ngqwalasela zifumane amathuba wazo.

Zifumanele esi sibini kumakhasi wonxibelelwano: Sive Dumbisa ukanti yena uOdwa umfumane kuOdwa Monterlo SoulbiJazz.