Iimoto zakwaToyota ziphuma neWIFI

UWilliam Mzimba kaVodacom Business, uMteto Nyati kaAltron noAndrew Kirby onguMongameli kaToyota South Africa Motors Umfanekiso: Uthunyelwe

Ukusukela ngomhla wokuqala kweyoMsintsi kulo nyaka abakwaToyota eMzantsi Afrika bazimanye nabakwaVodacom kwakunye nabakwaAltron kwiphulo lokuzisa umnatha wonxibelelwano kuzo zonke iimoto ezintsha zakwaToyota nakwaLexus kweli.

Imoto nganye iphuma ne15GB yeWIFI. Isakuphela umqhubi angathenga idata ayongeze. Kukumqhubi ukuba ufuna ukwabelana nabakhweli bemoto yakhe ngale WIFI kodwa oonoteksi sele ingabona baza kukwazi ukuthi “le teksi ineWIFI yasimahla!” kubakhweli.

Xeshikweni inkampani yezobuchwepheshe bale mihla, iAltron, ivula iiofisi zayo ezintsha eMonti, sifumene ithuba lokuthetha neNgqonyela yayo enguMteto Nyati.

“Khawube nomfanekisongqondweni womntu eme ecaleni kwemoto, esenga loo WIFI yasimahla kuyo. Okanye abakhweli beeteksi besebenzisa iWIFI kwiiteksi zakwaToyota,” kutsho uNyati enemincili. Obu buchwepheshe bale mihla bukwezi moto benziwe sithi [Altron] kwaye ayiyo WIFI kuphela, lunxulumano oludibanisa imoto okanye umqhubi nabakwaToyota maxesha onke ngomnatha.

Umqhubi asakuvuma zonke iinkcukacha zemoto zakukwazi ukufikelela kwabakwaToyota nabanikazi beemoto. Imoto iza kuthumela umyalezo kwiinkampani ezifana nooAutomobile Association (AA) xa kukho ingxaki okanye ingozi zisuka,” uqhube watsho.

AbakwaAltron, ngenkampani yabo yokukhangela iimoto enguNetstar bayile obu buxhakaxhaka bufakwe kwezi moto zintsha zakwaToyota. AbakwaVodacom nabo bayinxalenye njengabathubelezisi bomnatha nedata yokusasaza imiyalezo nale WIFI iphuma nezi moto.

Ingqonyela kaVodacom Business, uWilliam Mzimba, wongeze ngelithi: “Nqwa neSmartphone nazo iimoto kufuneka zihlale zikumnatha wonxibelelwano ngoku. Abathengi bafuna iimoto abaza kukwazi ukumamela ngazo umculo kumnatha, bafumane iingxelo zeendlela kumnatha, njalo njalo.”

Eli phulo seliqalile kwaye ukuba umntu uyithenge emva kweyoMsintsi kulo nyaka imoto yakhe kufuneka nje anike abakwaToyota imvume yokuba usebenze umnatha wonxibelelwano kuyo – umqhubi akwazi nokuthubelezisa iWIFI ngemoto yakhe.