Iimpawu zomhlobo wokwenene

Inyaniso ithi sonke singabantu sinabo abahlobo kwaye ukuba nomhlobo yinto ebalulekileyo ebomini. Uyakwazi ukudibana nomhlobo ukwindawo esezantsi kodwa ubuhlobo benu bukuthathe bukubeke kwindawo engasentla, kodwa kanajalo uyakwazi ukudibana nomntu umbone njengomhlobo olungileyo kanti kukuphela kobomi bakho nokulimala kwekamva lakho.

Ungalibali umhlobo wakho unegalelo elikhulu ebomini bakho ukwedlula ikhaya ozalwa kulo. Zininzi izinto esizenzayo ezilungileyo nezingalulnganga esizenzayo singabantu kungekuba sizifunde kumakahaya esizalwa kuwo, kodwa kuba sizifunde kubantu esidibene nabo ebomini sakha ubuhlobo kunye nabo.

Ithetha ukuthi le nto ayinguye wonke umntu odibana naye ongamthatha njengomhlobo wakho, bakhona abantu ekwaneleyo ukubulisa ufune lo nto uyifunayo ukhawuleze uhambe kubo ungekosuleleki yityefu abayiyo okanye abanayo ebomini babo.

Xa kunamhlanje kukhona imizi echithakeleyo, kukhona amashishini avuthulukileyo, kukhona abantu abaphuma esikolweni ixesha lingekafiki ngenxa nje yabahlobo abangalunganga. Namhlanje kukhona abantu abaphila impilo yokuzisola ngenxa yezinto abazenzilyo ngokungenanjongo kodwa bazenza ngenxa yefuthe labahlobo okanye abantu abathe bazisondeza kubo.

Le nto yabahlobo ayonto ejongene nabantu abatsha nje kuphela, imitshato iphelile ebantwini bebadala emveni kokuzidibanisa nabantu abatshatileyo kodwa bengayihloniphi eyabo imitshato, amashishini avalile emveni koba abantu bethathele phezulu abahlobo ukodlula imibono abanayo ebomini. Kukhona imibuzo ekumele uzibuze yona phambi koba umntu umbize ngomhlobo wakho.

NGABA IPHUPHA LAM LIKHUSELEKILE NA EZANDLENI ZAKHE: Ukuba ucinga iphupha lakho alikhuselekanga ezandleni zomntu ombiza ngomhlobo wakho ithetha ukuthi lo nto akangomhlobo okulungeleyo wena , hambela kude kuye ukukhusela iphupha okanye umbono wakho.

Lo nto ke ifuna abantu abanomqolo ungoyiki uba abantu bazothini, kodwa ucingele ikamva lakho nalapho uyakhona, ndafunda into ethi kukhona abantu ekumele uthi kubo mholo, uphinde ukhawuleze uvalelise ngokukhawuleza ungekalimali .

Ngamanye amazwi, qiniseka ngokukhuseleka kwephupha lakho emntwini ombiza ngomhlobo, ndifuna uzibuze umbuzo othi, lo mntu ungumhlobo wam unayo na into angandincedisa ngayo ekufikeni kwindawo endifuna ukufika kuyo, ukuba ubona lingakhuselekanga iphupha lakho valelisa kuye.

ANGAKWAZI UKUMELANA NEMPAZAMO ZAM NA: Enye yezinto ekumele siyilumkele ebomini kukuzijikeleza ngabantu abazi impumelelo zethu kodwa bangayazi ukuba ungumntu nawe unazo iimpazamo, uba umntu ukuthanda okanye ungumhlobo kuwe, ngenxa yezinto onazo nokwazi ukuzenza engenokwazi ukumelana neempazamo zakho, ayingomhlobo olungileyo lowo, kuba mhla usenza impazamo okanye esiva ngeempazamo zakho uzokushiya.

Ngamanye amazwi sukuhamba nabantu okanye nabahlobo abakwenza uThixo yena ongenampazamo kuba mhla bezibona bazokubaleka.

ANGAKWAZI UKUMELEANA NEMPUMELEO YAM: Kukhona abantu abakwaziyo ukuba ngabahlobo kuwe kuba usahlupheka mhla waphumelela abasafuni nokukuthethisa , ngamanye amazwi kukhona abantu abahamba nawe kuba uhlupheka bathanda kanye lo nto.

Mhlawumbi kha uzibuze umbuzo othi, lo mntu othi ungumhlobo wam xa kunothiwa ngomso ndinemoto angakwazi ukuvuyisana nam angandimoneli, xa kunokuthiwa ndithenge indlu, ongumhlobo wam angakwazi na ukumelana nempumeleo yam.

Xa kunothiwa uyanyuselwa emsebenzini angaqhubeka na ekubiza ngomhlobo. Mhlawumbi xa kusithiwa uyatshata, angaqhubeka na ekubiza ngomhlobo, kwaye evuyisana nawe ngentliziyo yakhe yonke. Xa abantu bephumelela bohlukana nabantu okanye nabahlobo abasuka kude nabo.

NGABA IIMFIHLELO ZAM ZIKHUSELEKILE NA KUYE: Kukhona izinto ebomini oye uzixelele ukuba uyoze ufe nazo, soze uzithethe mntwini kodwa uthi wakubanomhlobo intliziyo inyibilike ubone sele uzithetha ngenxa yokukhula kobuhlobo benu.

Kodwa akhonto ibuhlungu njengokuva iimfihlelo owazithetha kumntu ongumhlobo wakho uzive sezigcwele ilizwe lonke. Kukhona abantu abakhalayo ngalo mzuzu abakhaliswa ziingxaki zabo, kodwa bakhaliswa kukuba zaziwa ngabatu abangakhange babaxelele.

Ndifuna ukuthi kuwe wena uthi selendilimele kakhulu ngabahlobo nabantu ebendibasondeze ebomini bam, Unganikezeli, imeko okuyo ayisiso isiphelo sobomi bakho.