Iimpawu zootata xa befuna ukutsiba iziko

IBEYINTSINI ekhatshwa yimfundiso ngethuba ababhexeshi boKholo neNgqiqo, inkqubo yoMhlobo Wenene FM, bebuza amakhosikazi kule nkqubo ngezinto ezithethwa ngabayeni babo xa befuna ukutsiba iziko.

UMfundisi Mzukisi Faleni ekhatshwa nguMfundisi Otto Makalima, babuze lo mbuzo kwicandelo loKholo neNgqiqo, elibizwa Ezamakhaya, kwiCawe yomhla wamashumi amabini anesithathu kuTshazimpuzi. Injongo, ngokokutsho kwaba befundisi, kukuvuselela uthando kubatshati ukuze kusoloko kukho iziqhulo endaweni yokuqumbelana.

Amakhosikazi agxalathelene ukutsala umnxeba, engazichazi ngamagama, esitsho iimpawu okanye izinto ezithethwa ngabayeni babo xa befuna inkonzo yasekamereni.

La makhosikazi athethe ngolu hlobo:

* Inkosikazi yokuqala: Ndiye ndimbone ngobubele ngalo mini, umve endibuza ukuba andifuni na ukwenzelwa iti. Xa ndisithi andiyifuni iti, abuze ukuba andiwafuni na amanzi okuhlamba, ndithi hayi sendihlambile. Kuzokube ndimzulisela nje, ndiyazi le nto ayifunayo.

* Inkosikazi yesibini: Apha ekhaya kukho abantwana abancinci ababini. Xa ke utata walapha ekhaya efuna ukutsiba iziko, ndimazi ngokuba athi ‘nkosikazi balele abantwana’. Luphawu endiye ndimazi ngalo olo, kuba ngezinye imini xa belele abantwana akaye andixelele ukuba balele.

* Inkosikazi yesithathu: Owakwam utata uye athi ‘masazane’. Ndikhe ndimzulisele ngezinye iimini, ndibuze ukuba sazane ngantoni? Le nto isukela kwibali lomama owayecele indawo yokulala kusisi othile, wavuka ebusuku wathi ‘masazane’.

* Inkosikazi yesine: Owalapha ekhaya utata uvele athathe ngokundibeka isandla. Xa esenza njalo sele ndiyazi ukuba ufuna ntoni. Utata walapha ekhaya ke ngumshumayeli kwinkonzo yomoya.

* Inkosikazi yesihlanu: Owam utata ungumntu osebenza ebusuku. Ukuba ufuna ukutsiba iziko kusasa xa ebuya emsebenzini, ndibona ngokuba andifowunele phaya emsebenzini athi uyandikhumbula, abe phofu ekutsho oko nangona nje sigqiba kohlukana apha ekhaya.

* Inkosikazi yesithandathu: Owasekhaya utata uvele athi mandingalali ikhona into azakundibonisa yona. Xa ndifuna ukumzulisela ndivele ndikhuphe zonke iimpahla kwiWardrobe, ndiziqalele phantsi ukuzibeka kakuhle. Uza kumva ke ngoku endibiza esithi mandiyeke lo nto ndiyenzayo.

* Inkosikazi yesixhenxe: Utata walapha yena uye athi ‘mem ndidiniwe, ndifuna ukulala kwangethuba namhlanje’. Xa esitsho ke sele ndimazi ukuba ufuna ntoni. Nam ke ndiye ndithethe lo nto inye kuye ngezinye iimini.

* Inkosikazi yesibhozo: Apha ekhaya utata uvele athi ‘nkosikazi kha undibambe kule ndawo ibalulekileyo’. Angatsho ke ndiyamazi ukuba ufuna ntoni.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za