Iincutshe zangomso zilola izakhono eHumansdorp

UQaliswa Ndleleni noKhanyisa Goveni abaphuhlisa izakhono zabo kule nkqubo. Umfanekiso: Uthunyelwe

Iincutshe zangomso ezimbini eHumansdorp, uKanyisa Goveni (27) noQaliswa Ndleleni (28), zichongwe kumakhulu abafake izicelo ukuba bathathe inxaxheba kwinkqubo yokuqala yoqeqesho iWind Turbine Technician Training Programme eyasungulwa yiJeffreys Bay Wind Farm kulo nyaka kwinyanga yeSilimela.

Le nkqubo, idalelwe ukukhulisa izakhono zolutsha lwasekuhlaleni nokuhlangabezana nemfuno ekhulayo yamagcisa anezakhono kwicandelo lamandla ahlaziyekayo eMzantsi Afrika, iqale ngokusesikweni kwinyanga ephelileyo ngomhla we12 kweyeThupha yowama2024.

UKanyisa Goveni, okhuthazwa kukuxhotyiswa kwabasetyhini kwicandelo lamandla ahlaziyekayo, ubone le nkqubo njengethuba elifanelekileyo.

“Utitshala wam wesikolo samabanga aphakamileyo wayesoloko endikhuthaza ukuba ndenze umsebenzi wobunjineli ngenxa yendlela endisebenza ngayo kunye nokulangazelela ukufunda,” utshilo uGoveni.

UQaliswa Ndleleni noKhanyisa Goveni abaphuhlisa izakhono zabo kule nkqubo. Umfanekiso: Uthunyelwe

UGoveni uqhube wathi, “Olu qeqesho lungqamana nezifundo zam zasekholejini kwiRenewable Energy Technologies kunye nomnqweno wam ekudala ndinawo wokusebenza kwicandelo lamandla aluhlaza.”

UQaliswa Ndleleni uneminyaka elishumi elinesithandathu (16) ehlala eHumansdorp kwaye ebefudula esebenza kwinkampani yasekuhlaleni evelisa iimveliso zobisi, uthe naye uchulumancile ngohambo lwakhe olutsha.

“Ukubona iifama zomoya ezingqonge iKouga kwavuselela umdla wam kumandla ahlaziyekayo. Ngolwazi lwam njengencutshe yombane, bendilangazelela ukufumana amathuba okuba yinxalenye yezi projekthi,” ucacise watsho uNdleleni.

Bobabini uKanyisa noQaliswa baya kufumana isatifiketi seQuality Council of Trades and Occupations (QCTO) Occupational Certificate: Wind Turbine Service Technician xa begqibe le nkqubo.

Olu qeqesho, luphuhliswe liziko leSouth African Renewable Energy Technology Centre (SARETEC), icandelo leYunivesithi iCape Peninsula University of Technology (CPUT), lubandakanya amacandelo ethiyori kunye nepraktikhali.

UQaliswa Ndleleni noKhanyisa Goveni abaphuhlisa izakhono zabo kule nkqubo. Umfanekiso: Uthunyelwe

Olu qeqesho lweenyanga ezintandathu lulandelwa sisigaba seenyanga ezimbini sokufunda ngamava emsebenzini, esiya kuqhubeka eJeffreys Bay Wind Farm, sibonelela ezi ncutshe zombane ezitsha ngamava okusebenza.

Ingcaphephe yoPhuhliso lwezoQoqosho kwifama yomoya iJeffreys Bay Wind Farm, uNonini Makhothe, ubethelele ukubaluleka kwale nkqubo. “Njengoko icandelo lamandla ahlaziyekayo likhula eMzantsi Afrika, kukho ukwanda kwemfuno yezakhono, ngakumbi kwicandelo lomoya. Ngokungqamanisa amalinge ethu ophuhliso kunye nezikhewu zezakhono ezikhoyo ngoku, sijonge ukunika abathathi-nxaxheba izakhono ezifunwa kakhulu nezizakwenza ukuba babe nomtsalane kwabo banokuba ngabaqeshi,” utshilo uMakhothe.

Inkqubo yoqeqesho iJeffreys Bay Wind Farm’s Wind Turbine Technician Training Programme ivulelekile kubafaki-zicelo abasuka kwiindawo ezingqonge le fama yomoya, ezifana naseThornhill, Jeffreys Bay, Humansdorp, Hankey, Patensie, naseLourie.

Bonke abathathi-nxaxheba kufuneka babe neziqinisekiso okanye izatifiketi ezifana nezi: NQF Level 4 kwiElectrician (Light Voltage, Medium Voltage, High Voltage), Mechatronics, Millwright, Fitters neTurners, okanye iNational Diploma kwiMechanical, Electrical, okanye kwiMechatronics.