Molweni. Ndifuna unibalisela into eyandehlela eKomga nge21 kweyoMnga (Disemba) 2018 ndithenga kwaTops nge-past-nine, ndiphume ndihambe kuba ndisiya kule moto ndihamba ngayo.
Xa ndiphuma ndisiya kwisikroxo kwapha ndabona sendihlaselwa ngamapolisa ekhuphe nemikhono yekati ndama kemna, andigxagxamisa undisa kwaTops kwaphuma umphangeli waphaya, wathi ngokumila ndim, jean endiyinxibileyo iyafana neyalomntu ebezokuqhekeza, kodwa ebusweni andinguye.
Amapolisa axolisa ethwele izandla entloko emizuzwini kwafika umcuphi wandisa ePolice Station, wandibuza imibuzo, kucaca ke yonke le nto yenzeke nge15 kweyoMnga 2018 kwaTops. Mna ndanelishwa lokufaniswa nesigelekeqe esi besiyokumosha, ndancedwa kuba nge15 sasinomsebenzi ekhaya ndafota ndikuloo msebenzi.
Umcuphi wandinyathelisa iminwe njengomntu obanjwayo ndabe ndingabanjwa, lo nto ayizondisokolisa ndizibone ndinecriminal record? Ndicela ukubuza kwabanolwazi?
[Impendulo: nceda uye kumapolisa akufuphi okanye umantyi ukrobe ukuba akukho nto isegameni lakho na].
Makadedele abanye uMalema kwiEFF