Iincwadi eziya kuMhleli

Ndibhala le ncwadi ndingumhlali ongayithandiyo konke konke indlela ekwenziwa ngayo kwingingqi yam iHopedale engaphantsi kwedolophu yaseMaclear xa kusenziwa inkqubo yokulungiswa kweendlela.

Eyona nto yenzekayo kwalungiswa icala elinye lendlela, kwiindlela ezimbini ezihamba abantu abohlukeneyo abaya kwiindawo ezahlukeneyo.

Abantu abaneemoto bendlela eseziindonga banyanzeleka ukuba badlule kwiiyadi zabantu ezingasabiywanga ukuze babe bayafikelela kwimizi yabo xa besiya naxa bebuya emisebenzini. Uzibuze umbuzo kengoku ukuba abantu bangabiya iiyadi zabo abo banqumla kuzo bangathini?

Ayiphelelanga apho ingxaki yabahlali, kukho iitepu zamanzi ezikhoyo kodwa ukugqibela kwazo usebenza ndandingumntwana, indibhide kuba kaloku ungafaka itepu uyabona kukho isidingo samanzi kodwa akunjalo kweyethu indawo, ingathi zezokuhombisa iilali.

Amanzi asakhiwa emithonjeni emva kweminyaka eyi25 yenkululeko. Into eyenziwayo kule ndima yamanzi kusifakela izindlu ezinamatanki iyinto esiyibulelayo kakhulu leyo nangona ingathi sibulela intaka ngokubhabha, amanzi etanki ayaphela ebusika.

Abantu babuyele kundalashe wokusebenzisa amanzi asemifuleni. Sisayithetha kancinci ezi tepu zisezitratweni ukuze kukhiwe ngabantu abathile, mabangohlulwa yilo nto ngoba into ezokwenzeka kukuthi umzi nomzi makubekho itepu.

– Khuselo, eHopedale