Iincwadi eziya kuMhleli

“Ngubani na lo nguYEYE, uhamba nabani noYise, umphathele ntoni, aMasi, ngendebe enjani, EBOMVU, wayibeka phi na eSIBAYENI, kwesingakanani, Kwesikhulu, emayisele, zidenge zodwa, emayisele zidenge zodwa”.

MHLELI njalo xa ndibona abantu ingakumbi umlisela nomthinjana bephetshwa ziimoto ezitratweni ngakwizindlu ekuthiwa zezozonwabisa kwiilokishi zeli, ndiye ndikhumbule lo mbongo ungasentla, eneneni iye ixhalabisa ngakumbi imeko yokuselwa kotywala eMzantsi Afrka, apho kunomthetho othi ABUTHENGISELWA ABANGAPHANTSI KWE18 LEMINYAKA UBUDALA, uzibuze ke ngoku sithini isigwebo kothe wasebenzisa ndlela zimbi wabufumana wabusela wanxila, ngoba iintengiso zamaphephandaba ziyabukhuthaza, oomabonakude kunye nonoomathotholo babhomboloza bebhombolozile kwiintengiso zabo bachaze ayithengiselwa abangaphantsi kwe18 leminyaka ubudala, ndicinguba lo mpoposho ubanceda kancinci abo ufanele ukuba uyabanceda ukuba bakhona obancedayo nyhani-nyhani, mna ndicinga uba injongo yalo mpoposho ayikokuthenga , ukuchola , ukuphiwa okanye ukweba umayela nokuselwa kwabo nemiphumela yoko, hayi le ngxowa sivunela kuyo ingathi inomngxumakazi emazantsi sifa izikhwebu emantla engxowa ziphutshuluke, ziyophuma emngxumeni emazantsi kupasiswa umthetho, kodwa izenzo zibe zingancedisani nakusebenza kakuhle komthetho. Sode sise eyiphi na komkhulu?

– Zolile, eMakaza