Iincwadi eziya kuMhleli

Urhulumente wephondo iMpuma Koloni makabuyele kundalashe wokuxhasa ezemidlalo ezikolweni ezisemaphandleni nasezilokishini.

Iinkqubo zophuhliso embhoxweni, kwiqakamba, inetball kunye nezembaleki zaziveza abadlali abanesakhono.

Makusetyenziswe imali zerhafu ekwenzeni lo msebenzi.

Iphondo lethu libizwa ngokuba yiProvince of the Champions kodwa kuncinci kakhulu ekwenziwayo ekuphuhliseni abantwana.

Akumele ukuze sifumane abadlali abaqaqambileyo kufuneka baphume eKingswood, eGrey nase St Andrews kuphela. Phakama Nkulumbuso Lubabalo Oscar Mabuyane, silindile.

-Ntombi Lubisi, eBhayi