Ndingumhlali waseNompumelelo. Ndifuna ukuvakalisa intlungu yam, bendihlala eBaleni phaya emva kwasezicaweni.
Ngoku sixelelwa ukuba masisuse amatyotyombe ethu kuba indawo esakhe kuyo ngumhlaba wesikolo esiza kwakhiwa.
Senza njengoko sasixelelwe kodwa ingxaki yam kukuba mna ndakhe ecaleni kombhobho welindle, izolo uye wagqabhuka waze wenza umonakalo omkhulu, usonakalisa impahla yam.
Nomntwana wam uyachaphazeleka kule meko. Ndinomsindo, ndiyazibuza ukuba ndandivotele le nto na?
Uceba wethu simxelele ngale meko ngeCawe kodwa ndibhala nje akukabikho nto yenziweyo, fana ucinge ke ukuba imvula itsho njalo. Imbi imeko endikuyo nabanye abahlalli phofu.
– Zukhanye Mhluzana kwaNompumelelo
Obelahlekile ufunyenwe edlwengulwe ebulewe kwigumbi likamzala