Iincwadi eziya kuMhleli

Lo kaZulu ngumqhubi wesithuthi sikawonkewonke wakwaZulu Natal othe wancedisa umama othile obebeleka etekisini yakhe.

Kuvakala ukuba lo mama ujikwe sele efikile esibhedlele kwathiwa akakazokubeleka, kodwa endleleni egodukayo weza umntwana.

Amadoda amaninzi ebengasoze ayenze le nto yenziwe ngulo kaZulu kuba esoyika okanye athi ukubelekisa ngumsebenzi woomama.

Iyancomeka le nto yenziwe nguNotekisi ngoba amaxesha amaninzi badume ngobukrwada qha.

Indoda ngamanye amaxesha iba yindoda xa ithe ayabi yondoda , uyandiva na?

-Casper Mila eRhini