Iincwadi eziya kuMhleli

Abemi baseSoweto kumele bazihlawulele iinkonzo zombane abazifumanayo. Kumele baqonde ukuba sonke sayizabalazela le nkululeko kwaye kumele sizihlawulele iinkozo esizinikwayo.

Yayingabo bodwa abathatha isigqibo sokungahlawuli, eliqhinga labo alisasebenzi kule minyaka. Ngoku bafuna isizwe sonke singenele intshukumo yokungahlawuli umbane, bafuna umbane mahala.

ISoweto yeyona lokishi iphucukileyo eMzantsi Afrika, iindlela zakhona zikwimo engcono, izitrato zabo zinezibane, baneevenkile ezinkulu, izibhedlele, iikholeji, iyunivesithi ndibala ntoni?

Yilokishi yokuqala ukuba neebhasi zodidi lweBus Rapid System ebizwa ngokuba yiRea Vaya, kwakhiwa izindlu umhla nezolo apha ngurhulumente.

Nangoku bagrogrisa ngokungazithathi izindlu ezakhiwe eDube ezixabisa izigidigidi zemali kuba besithi zange kuthethwe nabo kuqala.

Andiqondi ukuba abantu baseAlexandra bangalinyevulela ithuba elinje kuba bona bayazidinga izindlu.

Abantu baseSoweto zange bahlawula nepeni emdaka ukususela ngeminyaka yobandlululo. Ityala labo lacinywa kwaqalwa ekuqaleni ngowe1994.

Baqhubeke nokungahlawuleli umbane bona ngokuthanda kwabo. Yingxaki kabani leyo? Iilokishi neelali apho inkoliso yabantu abasokolayo ziqhubeka zihlawulela umbane logama izinhanha zaseSoweto zikubethisa ngoyaba oku.

Iilokishi zaseSoweto ezifana nooDiepkloof Extension azohlukanga tu kwiSandton okanye iBassonia okanye nayiphina indawo ehlala izinhanha.

Ndinomhlobo ohlala kule lokishi, xa siphikisana ngalo mbandela waseSoweto uvela andihleke ngelithi “iSoweto yalikhulula eli lizwe” aphinde ongeze ngelithi mandingayilibali imbali kaJune 1976.

Aba bantu bafuna umbane wamahala abayikhathalele into yokuba iimpula zikaLujaca ezihlala kwaC eDuncan Village eMonti, eKhayelitsha, , eMothwerwell naseNgangelizwe ziphefumla ngenxeba ziwuthenga umbane. Ingaba kumele zizeke mzekweni okwabantu baseSoweto? Hayi khona, andivumi.

– Eric Naki, Gauteng