Iincwadi eziya kuMhleli *Thumela eyakhoincwadi eya kuMhleli kuWhatsapp wethu: 072 195 0415, kuFacebook wethu (ilisolezwe) okanye uthumele i-email: isibhalo@inl.co.za

ECofimvaba kwilali yase Mncuncuzo eKhayamnandi abantwana abangamakhwenkwe abulala umntwana kwilali ekufuphi eDalibuhle.

Baphindile kwakunyaka ophelileyo babetha omnye umntwana kwilali yakuLiqolo bamosela wagogeka nalapho azange babanjwe.

Baphinda baya kwilali ekufuphi eMcambaleleni eMaphungutyeni baqhekeza ifestile zomzi beyobetha abantwana bakhona.

Kulonyaka babulele umntwana welali ekufuphi eLower Mncuncuzo eyodlala ebhola pha elalini yabo kodwa amapolisa aseCofimvaba awancedanga kuzo zonke ezi zihlandlo.

Abanye abantwana bayoyika ukuya esikolweni ngenxa yalemeko sicela uncedo ababanjwa ababantwana kuthwa basebancinci.

– Umfundi Wethu