Iindaba ezimbi zezona zimnandi

Ndigezelwa ngumzi wephepha-ndaba ne-arhente yawo ebindizisela iphepha endlwini. Ndithe ndakudikwa kukube ndixela ukungafiki kwalo ngendlela, ndathatha isigqibo sokuba ndibavale phaya emalini yam ebendibarhuma yona.

Njengomntu ongakwaziyo ke ukuhlala ngaphandle kwephepha-ndaba, ndithe mandikhangele ukuba leliphi na elingelinye lemihla-ngemihla endinokulifunda, kuba elakuthi liphuma kanye ngeveki. Ndimane ndithenga la maphepha akhoyo ke, ngeenjongo zokuba elo lithe landikhola ndingenele ukuba ndiliziselwe endlwini.

Ndithenge phepha-ndaba lithile ke endleleni eya ebukhobokeni. Kuthe kanti ndizinqikele ilitye elineembovane, ndona intsasa yam! Kwakwikhasi lokuqala nje ibe ziindaba ezihlasimlisa umzimba zokufakwa komntu emkhumbini ephila.

Ndikhawuleze ndazibaleka ezo ndaya kwikhasi lesibini nelesithathu nelesine, kuwo onke ndafika izindaba ezidala uxinizelelo lwengqondo zodwa. Iindaba zokubulawa nokubethwa kwabantu nezamantombazana ahamba ngaze aneenyama ezingathi zimpontshiwe nezabathakathana ngeenkukhu nazabantwana abazizibethi-yise nezibethi-nina.

Ndilishwabanise ngomsindokazi elo phepha ndalinyhala engxoweni yam ndakhupha incwadi ndafunda, ndidungudelisa ezo ndaba. Ndifike ebukhobokeni ndalinyhala ngaphantsi emgqomeni wenkunkuma. Uxinizelelo ebendinalo!

Abezosasazo baliqumbele ilizwe. Imiboniso emininzi andisayibukeli kumabonakude ngenxa yeendidi zenkohlakalo eziboniswa apho. Ubangavula jelo likamabonakude ufike ikwaseso usibaleka kwelinye icala. Nokuba ukhetha ukuba ivalwe okwelo xesha, mhlawumbi ngeliphephisa abantwana kwimiboniso yamanyala, baza kuyibukela ngelinye ixesha ungekho wena mntu unomona ngamanyala angengowakho kuba ziphindwa nakasixhenkxe ezi nto! Ndakuncama ukuhlala nosapho kwigumbi lokuphumla ngamaxesha angorhatya, apho zidlala ngobuninzi ezi zinto zidala uxinizelelo lwengqondo. Sele ndifihla nje oku kwamehlo am.

Iingxelo zephepha-ndaba endibalisa lona ziyiqinise nangakumbi ingcamango yam endihlala ndinayo ngeendaba zeli lizwe, yokuba ezona ndaba zinambithekayo zezimbi.

Oku ndikutsho xa besimeme oonondaba kutsha nje ukuba beze kumsitho wokwaziswa ngokusesikweni ukuvulwa kokwamkelwa kweziphakamiso zabatyunjelwa kwiimbasa zenkcubeko neelwimi eNtshona Koloni.

Khange kuze nomnye unondaba, bonke bebethe bhazalala bebhekeqeka emva kwabantwana ebebeqhusheka ilizwe ngesikhuni sesihogo, izezona ndaba zinomdla kubo ezo. Basuke bacela ukuba sibathumelele inkcaza yethu ukuze bayipapashe ngexesha lokuthanda kwabo, naxa bedinga iindaba.

Lowo kum ibe ngumyalezo wokuba oonondaba beli abanolibala yimfeketho yokuwongwa kwemisebenzi yoluntu zingangoboya benja iindaba zobhangiso.

Iindaba kule mihla ziindaba ngemikhuba nobuhiba nobugwinta. Sele ingathi akusekho mntu unguMntu kweli lizwe, kuyiSodom neGomora, amazwe asezimbalini zakude.

Liyinene elithi intwana yesibhidi elubisini yonakalisa ithunga liphela! Sililizwe elinjani eli likholana nezinto ezimbi kunezintle? Zakuthini iingqondo zethu ukungabikho phantsi koxinizelelo xa sihleli nje sibaliselwa ngemikhuba namanyala amabi? Abantwana nabazukulwana baya kukhulela phi?

Beya kuthini ukungazenzi ezo zinto besakukhula, izizinto abakhulela kuzo nezibubomi besiqhelo kwintlalo yethu? Inene ndoke ndive!

Oonondaba mabake bayeke ukondla linye benamabini, ukuba lijace elinye. Isikali sokulinganisa sabo masibe sesisebulungiseni. Sidinga ukuva amazwi obulumko ngaphezu kwawobudenge. Sakubaphi kukuthi kuhleliwe nje singxixhwa ngeentetha zobuhiba bezaphuselana eziphukanekayo zilahlekwe yingqiqo?

Xa iindaba zinokuzala zizinto zobulumko zinganda izilumko, sitsho sibe sisizwe esiphilileyo. Kusanda ubudenge nje yinto yokuba bubo obusemboniselweni, ikwabubo ke nobuthengisayo.

Ubudenge endibenza kule ndawo ndikuyo kungcono buphelele kuyo kunokuba butyhefe ilizwe liphela. Kulungile ukusasazwa kolwazi, kodwa ekwazini kwethu kwanda ububi. Ukuba sasingazenge siboniswe ubuhiba bamazwe esingawaziyo, mhlawumbi ngesisenesizwe nanamhla oku. Goba msenge iibhokhwe zikutye.

Owenu kwisiXhosa, Nxuba