Ukusukela ngentseni ngoLwesithathu wale veki, kulindeleke ukuba lihle ixabiso lamafutha aquka ipetroli nedizili kweli loMzantsi Afrika.
Ezi ziindaba ezimnandi ngaphandle kwamathandabuzo kumafama nabaqhubi bezithuthi ngokunjalo. Kaloku amafama mihla asebenzisa iindidi ngeendidi zoomatshini abafuna ukugalelwa amafutha ukuze bakwazi ukushukuma.
Emasimini nakwimfuyo, amafama asebenzisa amafutha ngeendlela ezininzi, ngoko ke ukuhla kweli xabiso yinzuzo kubo.
Le ngxelo ekhutshwe yiCentral Energy Fund ithi ukuqala ngoLwesithathu wale veki, amaxabiso amafutha azakwehla.
Uqikelelo luthi, la mafutha aquka idizili nepetroli azakwehla ngeshumi elinesihlanu leesenti (15c) ilitha nganye. Kuthiwa idizili izokwehla ngento ephakathi kweshumi elinesixhenxe leesenti (17c) ilitha namashumi amabini anesibhozo eesenti (28c) ilitha.
Ukuqina kwamandla werandi kwakunye nedola kusabonwa njengoyena nobangela wokuhla kwala maxabiso amafutha. Oku kuhla kwamaxabiso amafutha kuza ngexesha apho amafama elungiselela ukubuyela emasimini elungiselela yonke imihla.
Ukuhla kwexabiso leoyile ekrwada yakwaBrent sesinye isizathu sokuhla kwexabiso lamafutha kuzwelonke. Ixabiso leoyile ekrwada yakwaBrent lehle ngokucacileyo ngenyanga yeKhala kulo nyaka, kwaye oku kulindeleke ukuba kwenze umahluko omkhulu.
Isebe lezimbiwa namandla kulindeleke ukuba lenze esi saziso ngokusemthethweni phambi kokuba lihle eli xabiso. Oku kuya kunciphisa ngokucacileyo uxinzelelo kubathengi eMzantsi Afrika, ukwehla kwamaxabiso kuya kubangela ukuhla kumaxabiso wezinto ezininzi ezithengwa ngamakhaya.
Yonwabela iAll White Heritage Picnic eGqeberha!