Iindaba ezimnandi ngezamanzi eKapa

EKAPA: KWIINDABA ezimnandi kubahlali baseKapa abathwaxwa yimbalela, uSodolophu uPatricia de Lille ubhengeze ukuba indawo ezintathu ezitsala amanzi ngaphantsi komhlaba ziza kukhupha amanzi amaninzi kunalawo ebelindelekile.

Indawo ezinamanzi ngaphantsi komhlaba (aquifers) iCape Flats, Table Mountain ne-Atlantis ziza kukhupha iilitha eziyi 150 million ngosuku zihlangene.

Nanjengoko umhla wokuphela kwamanzi obizwa ngoDay Zero-apho ziyakuvalwa zonke iimpompo esondeziwe eqikelelwa ngomhla we22 kuTshazimpuzi, uDe Lille uthe ukubholwa okanye ukugrunjwa kweCape Flats kuza kuqaliswa kule veki.

Lo mthombo ongaphantsi komhlaba uzakukhupha amanzi azilitha eziyi 80 million ngosuku.

ITable Mountain ne-Atlantis ziza kukhupha i40 ne 30 million zeelitha zihlangene rhoqo ngosuku.

Umlawuli kwisebe lezamanzi eNtshona Koloni, uPeter Flower, uthe nanjengoko la manzi sele esetyenzisiwe, azakubuyiselwa ngamanzi agutyuliweyo.

Kungokunje, amadama ame ku19% kuphela.

Ezi ndaba ziza emva kokuba isixeko siphumeze uLevel 6 wolawulo lwamanzi ngomhla wokuqala kulo nyaka.

Kulevel 6, zonke izindlu ezisebenzisa amanzi angaphaya kweekhilolitha eziyi 10.5 zifakelwe izixhobo ezilawula ukusetyenziswa kwamanzi.

UNokhaya Mlilwana ophila ngokulima igadi ePhilippi, uthi ziyamvuyisa ezi ndaba kuba ebesele ecinga ukuqalisa elinye ishishini.

“Andizange ndaphangela oko ndathengisa imifuno endiyilimayo. Le meko yamanzi ibisele indiza entloko. Ndiyavuya xa kanti kukho indawo ezinamanzi amangaka. Ndiyathemba ukuba nezi zixhobo zokulawula ukusetyenziswa kwamanzi ziza kukhutshwa ekuhambeni kwexesha,” utshilo.

UMelumzi Nokhaxa othengisa ulusu uthi ebebalekwa ngabathengi ngenxa yokuba ebengenamanzi wokuluhlamba.

“Besekusithiwa ndilixelegu ndithengisa inyama emdaka. Ndibe ngachaza ukuba kunqabe amanzi bandiheshe abantu. Bendingavuyayo ukuba bekusithiwa ngawo la ngoku lo manzi,” utshilo.

isibhalo@Inl.co.za