Iindidi zamagqirha neempawu zentwaso

Okokuqala kukho umahluko phakathi kwegqirha nesangoma. Abantu abathwase imbola ebomvu kwakungathiwa ngamagqirha, kwakuthiwa zizangoma. Izangoma ke ngamagqirha embola ebomvu.

Le yimvulamazwi kaPhuthumile Fuyani, oligqirha, encokolela I’solezwe lesiXhosa kule veki malunga ngeendidi zamagqirha kwaneempawu zentwaso.

Inyanga yoMsintsi yinyanga ebekelwe bucala ukuqwalasela amasiko, izithethe kwanendalo. Masicamagusheni!

“Izangoma ziyabhula, kodwa wona amagqirha esiXhosa akabhuli, koko avumisa ngentsusa nonobangela. Izangoma ziphosa amathambo, zithethe le nto ithethwe ngamathambo. Yiyo le nto abantu bathi xa beye kwisangoma, sibaxelele izinto ebebengakhange bazicinge nozicinga okanye bazilindele.

“Mna ke andinalwazi ngamagqirha embola ebomvu, ndicela bangahlupheki abantu kuba andikwazi ukuthetha ngento endingayaziyo kakuhle. Kodwa ndiza kuthetha ngamagqirha. Amagqirha aziindindi ngeendidi ngenxa yendlela ubizo oluvele ngayo kumntu ngamnye. Kodwa ke kwixesha esiphila ngalo kwenziwa ngathi sonke kufuneka senze ngokufanayo, xa ubani egulela intwaso,” utshilo uFuyani.

UFuyani uthi emagqirheni kukho amaTola, iZanuse, amaGogo kwakunye namagqirha oMhlahlo. Amagqirha oMhlahlo ngawona axhaphake kakhulu kule mihla siphila kuyo.

“Kudala kwakukho igqirha ekuthiwa liTola. Xa kuthethwa ngoNxele, uMakhanda, kuthethwa ngeTola. AmaTola ke yayingamagqirha akoMkhulu. Lalithwasa iTola, noxa nje lalisebenzisa amayeza angahlambulukanga. Okokuba ukhe wasebenzisa amayeza angahlambulukanga, awukulungelanga ukuba ungakhokela imicimbi yempiliso emzini. Ukuba ukhe wasebenzisa amayeza amdaka, kufuneka urhoxe kuba awunakuphehlelela abantu, futhi awunakunyanga abantu ubenabakhwetha.

“ITola ke lalithi lakuthwasa lishenxe kweminye imisebenzi, liyokunyanga izinto zesizwe nezakoMkhulu. ITola lalinyanga abantu bakoMkhulu xa besiya emfazweni, libahlambe futhi libanyange. Umsebenzi wokunyangwa kwequngu, umntu obulele omnye umntu, yayingumsebenzi weTola. Yiyo le nto iTola kwakuthiwa ligqirha lakoMkhulu, kodwa nalo linyanga izinto ezithile,” kucacisa uFuyani.

UFuyani uthi kukho negqirha ekuthiwa siSanuse. “Igqirha elikwazi ukuthetha nezinto ezidibene nendalo. ISanuse besikwazi ukuthetha nendalo sidibanise imithi xa kukho imbalela, itsho iphele imbalela.”

“Ukuba kukho imbalela kwakubanjwa intsikizi, kodwa ibhilabhilwe siSanuse kuqala emva koko siyise esizibeni. Ngelinye ixesha iSanuse sasibamba ing’ang’ane okanye uthekwane. ISanuse sasikwazi ukubophelela ing’ang’ane emngcunubeni, okanye kufakwe intsikizi, uthekwane okanye ing’ang’ane phantsi kwelitye esizibeni. Into iSanuse ebesingayinyangi kuxa kudlale izulu emzini, lowo ke ngumsebenzi wamaxhwele,” kucacisa uFuyani ngeSanuse.

Elinye igqirha ke, ligqirha loMhlahlo. Igqirha loMhlahlo ngala axhaphakileyo kule mihla siphila kuyo.

“Igqirha loMhlahlo kufuneka lithwasile, linyangiwe. Kukho igqirha loMhlahlo elinyangwa lelinye igqirha, kubekho igqirha loMhlahlo elivele liduke lithwetyulwe, libuye sele iligqirha, ze ligqityezelwe lelinye igqirha ngesiko. Eli gqirha lithwetyulweyo alinyangwa ngokufanayo neli lingathwetyulwanga. Abanye babethwetyulwa emilanjeni, abanye balahleke emiqolombeni, abanye balahleke ehlathini.”

Kwakumagqirha oMhlahlo, kutsho uFuyani, anendlela avumisa ngayo. “Yiyo le nto uva kusithiwa kukho amagqirha emilozi. Imilozi ngamakhosi endalo akoMkhulu, umntu uzalwa enawo kodwa aphuhle akuba ligqirha. Igqirha lemilozi liva izinto ezithethayo ezindlebeni, litolike.

“Kuphinda kubekho amagqirha oMhlahlo aqubulayo, kwaye umsebenzi wawo kukuba akhuphe izinto ezigulisa umntu emzimbeni. Akavumisi amagqirha aqubulayo, akhupha le nto unayo. Kodwa andithethi ngaba benza imilingo,” kutsho uFuyani.

Elinye igqirha kuthwa liGogo. “IGogo ngamagqirha akhoyo kodwa akanikwa ngqwalasela. Umntu uthi aze anikwe ingqwalasela abe kanti unxibe isidlokolo. Umntu uthi wokwenza izimbo zeGogo, abantu bafune athwase. IGogo lithi lakuthwasa kuphele yonke intlantsi ebenayo yokubona, uve kutyholwa igqirha ukuba limvalile, kulityalwe ukuba iGogo aliphathwa lelinye igqirha.

“IGogo ke lizifundela yonke into lingakhange lifundiswe ngumntu. IGogo aliguli, alinazimbo. Kodwa kuthi kwakungena umntu livumise emva koko limkhandele iyeza limnyange umntu. IGogo lide licebise namakhaya ngezinto ezifanele zenziwe. IGogo alenzelwa masiko, ngoko ke alinakunyanga mntu ogulela ukuthwasa,” utshilo uFuyani.

UFuyani ukwachaphazele ukuba nasemaxhweleni kukho iindidi ezimbini, omnye umntu uyawathonga amayeza, awakhande. Okanye uyakwazi ukuba lixhwele ngokufundiswa amayeza. Lo nto ayithwaselwa.

Kuwo onke la magqirha, igqirha elisokolisayo ngeempawu zokugula ligqirha loMhlahlo, ngokokutsho kukaFuyani.

Indlela abantu abagulela ubugqirha ngayo zohlukile kuba imizi ayifani. Iindidi zokugulela intwaso zohluke zantathu: Amathongo, ukugula ngamahlaba omzimba kwaneziganeko ezehlela umntu lowo.

“Xa sithetha ngethongo, noxa nje ndingasoze ndiwathethe onke. Ithongo esibona ukuba libhekelele entwasweni, kukubona umntu ethonga ibhokhwe eshwanyiswa noxa nje amasiko wayewenzelwe. Omnye xa eyindoda uza kuthonga engumkhwetha owolukileyo, noxa nje kudala woluka.

“Omnye uza kuthi gqolo ukuthonga etshona esizibeni, omnye athi gqolo ukuthonga eleqwa ziinkomo. Amanye amathongo ayacaca gca umntu athonge ngqo ukuba kufuneka enzelwe ntoni, athonge enxityiswa iintsimbi ligqirha, enikwa negama kwanendawo ekufuneka alale kuyo. Kodwa ke abantu kufuneka baqaphele ukuba ungazithonga zonke izigaba, kodwa ungalithongi igqirha.”

UFuyani uthi abanye abantu abagulela intwaso baye babenezimbo, lingabikho ithongo. “Omnye uza kuthi ewenzelwe onke amasiko akowabo, kodwa athi gqolo ukuba nehlaba elixakileyo kweli cala lasekunene. Omnye umkelwa zingqondo aphambane, de abantu bacinge ukuba unamafufunyana.

“Omnye uqaqanjelwa ziinyawo, omnye aqaqanjelwe ngamalungu omzimba afana namaqatha, amadolo. Omnye uvele abenokuxhuzula okungapheliyo, omnye athi gqolo ukuchama xa elele nangona nje ewenzelwe amasiko. Omnye ubalihule, ahule ngokuphandle. Omnye ubanoxinizelelo lwengqondo, kodwa nezi ngxaki anazo akazazi,” kutsho uFuyani.

Enye indlela yokugulela intwaso ziziganeko, kuba omnye umntu akabinathongo, akabinazimbo koko wonganyelwa ziziganeko.

“Apha wehlelwa ziingozi zemoto, abanye bade banuke iimpundulu. Umntu oneempawu zeziganeko ke kusube iza kubangamntu onyanga kakhulu ngemithi, awazi kakhulu amayeza. Into ebangela lo nto kukuba amaxhwele xa evela emntwini avela ngeziganeko kuba akhohlakele wona. Umntu ahlale esinda ezingozini ke ngoku, futhi ukuba akayilandeli lo nto ade abe kanti uyabhubha.

“Omnye uba namashwangusha, aphume kweli ilishwa angene kweli. Kangangokuba omnye ngoku aphangelayo, angayiboni imali,” kutsho uFuyani.

UFuyani uthi esinye isiganeko kukwelama, umntu abone into. “Andithethi ngokubona isithunzela. Ukwelama ke kukubona izinto, ade omnye abephakuphaku.”

Omnye umntu ubanomdintsi, angafunwa ngabantu kodwa sibe isizathu singekho,” utshilo uFuyani.

Kwenziwa ntoni ke ngoku xa umntu kufuneka ethwasile? “Umntu unyangwa ngendlela agula ngayo, kuba koloku umntu unesiduko sakhe. Umntu uye asiwe egqirheni avulelwe itasi. Kudala iinkomo zokunyanga umntu othwasayo zazimbini, eyemvulatasi kwanenkomo yomlandu emva koko kulandele izigaba zobugqirha.”