Iindlavini ezitshotshayo

KwakukweyeSilimela ngo2001 amakhwenkwe amadala aseThafalofefe elungiselela ukuya eSuthwini.

Ngelabo bathi bayatshotsha kodwa xa ubukele indlela abenza ngayo wawunokufunga uthi bagqibezela ubukhwenkwe babo ngobundlavini. Awufane udibane namakhwenkwe atshotshayo engatyanga utywala okanye iziyobisi. Nisuka nonke endleleni.

Ngemini elandelayo uye uve iingxelo zokuba kudlwengulwe ubani nobani. Ngalo nyaka bade baphumela nakwixhewukazi elalipha kwiminyaka engamashumi asixhenxe.

Ishumi elinesibini lonke lamakhwenkwe azenzela kulo nkondekazi. Isihlanu sala makhwenkwe sadlwengula umntwana oneminyaka elishumi elinesibini.

Bonke aba bantu badlwengulayo ngabantu esibabona phantse yonke imihla elalini. Ubomi buyaqhubeka. Ubuso abubhalwa ukuba umntu udlwengulwe kodwa ngokuqinisekileyo intlungu yokohlelwa yinto enjalo ihlala ikhona ngaphakathi kubo.

Kuko konke okukutshotsha kwakubakho nezidumbu; bahlabana kwabodwa. Bubundlavini bantoni na obu? Busuka phi? Bungalungiswa njani?

Izolo, phaya eholweni kuCentane bekumele kubanjwe iincoko ezizama ukungenelela kwezi mfazwe zolutsha zigquba pha. Khange yenzeke. Amakhwenkwe eelali ayalwa.

Izidlwengu zisabhokile kunanamhlanje. Intombazana ekhulele ezilalini seyibonakala njengenethamsanqa ukuba ayinamntwana okanye ayizange yadlwengulwa okanye ixhatshazwe ngokwezesondo pha. Aba bafana baye bathi bakubuya eSuthwini babaleke bayokuhlala koomaKapa noomaRhawuti; bangaze babuyele elalini.

Asazi ke nokuba iincoko ezizama ukukhawulela imingeni enje zakuba luncedo njani na ngoba aba bantu benza obu bubi ababikho.

Bekuzakubakho namabanjwa, ebezakunika amazwi enkuthazo afundise nolutsha. Nangona kunjalo sisiqalo esihle esi kwaye siyathemba ukuba umasipala waseMnquma uzakude awubambe wenzeke nyhani lo mcimbi kuCentane.

Iindawo ezinje kufuneka zisebenzisane namapolisa kuqinisekiswe ukuba ukutshotsha kuyapheliswa, izikroxo zotywala zivalwa msinya, abantwana abathengiselwa tywala kwaye imizi ethengisa iziyobisi iyavalwa.

Iingxaki ezinje kufuneka ziliwe ngumntu wonke kuba zibetha kwathina bahlali.