Uninzi lwabantu luxhomekeke kwiimoto zabo ukuze bafikelele apho bafuna ukuya khona. Ukugqabhuka kwamatayara kuyinkathazo, amaxesha amaninzi oku kwenzeka xa abantu bengalindelanga. Nangona kunjalo, ungayisombulula ngokukhuselekileyo ukuba uzibona ugqabhukelwe litayara. Qaphela xa uqhuba, sebenzisa olu lwazi oluqokelelwe yiMotorHappy ukuze uzigcine ukhuselekile kunye nabanye.
Nazi izinto omawuzenze kwaye ungazenzi xa itayara ligqabhukile ngethuba uqhuba:
Kuphephe ukunyathela iziqhoboshi ngesiquphe
Xa singaqinisekanga ngento eyenzekayo kufutshane nathi okanye kuthi, sivele sibanexhala novalo. Kwaye ngelixa sonke sisazi malunga nokunyanzeliswa kweziqhoboshi zikaxakeka (emergency brakes) xa uqhuba usondele kakhulu emntwini, yinto yokugqibela ekufuneka uyenzile kule meko. Oku kungenxa yokuba usemngciphekweni wokuphulukana nolawulo lwemoto, nto leyo enokubangela ukujikeleza okanye ukubhukuqwa kwemoto.
Qhubeka nokuqhuba ngomda wesantya
Kungcono ukuba uhlale kumda wesantya. Le nto ayingomba okanye isinyanzeliso sezomthetho nje, kodwa ikwangumba wokhuseleko. Ukuba kuyenzeka ukuba udibane nengozi eyenzeke endleleni, kungcono uhambe ngesantya esiphantsi. Ke ukuba kukho into engahambanga kakuhle, njengokugqabhuka kwetayara, uya kuba nolawulo olungakumbi ukuba isantya oqhuba ngaso asikho phezulu.
Musa ukulungisa ngokugqithisileyo
Gcina ulawulo lwemoto yakho ukunqanda ukungqubana nezinye iimoto. Kuphephe ukujikajika isiteringi semoto nokusijika ngequbuliso, kwaye zama ukugcina isiteringi ngokuthe tye kangangoko.
Yimise imoto ngokukhowusta (coasting) ukuba unako
Ukuba unako, yimise imoto ngokuthe ngcembe kunokuba unyathele iziqhoboshi. Qinisekisa ukuba izibane zakho zeehazards uzikhanyisile kwaye uqhubele kwindlela kaxakeka, iemergency lane ngelasemzini, ukuba kunokwenzeka.
Ukugcina amatayara akho ekwimeko elinguliyo kubalulekile. Nokuba awunadinga lokusa imoto yakho ukuba ixilongwe kwaye ilungiswe, kufuneka ujonge amatayara akho rhoqo ukuze uqiniseke ukuba akwimo efanelekileyo.
Khumbula ukuhlala ukhuselekile ezindleleni.
Ibhale incwadi intwazana yakuTsolo efunda uGrade 10