Iingcali zeMacademia eThekwini

Amandongomane weMacademia.

Zidibene eThekwini ukusukela ngomhla weshumi elinesibhozo kule nyanga yoMsintsi iingcali zabelimi, izifundiswa nabathengi bendongomane iMacademia.

Le ngqungquthela ebizwa ngokuba yiInternational Macademia Symposium ishukuxa amacebo neendlela zokukhulisa ukulinywa kweli ndongomane ehlabathini. Kukho iingxelo zokuba iyakhula imveliso yeMacademia kwihlabathi xa ithelekiswa nezinye iindidi zendongomane.

ULizel Pretorius weSouth African Macademia (SAMAC) wamnkele iindwendwe ezizimase lo mcimbi. “Sivuya kakhulu kukufumana ithuba lokusingatha lomcimbi omkhulu kangaka, okwinqanaba lehlabathi iInternational Macademia Symposium,” kutsho uPretorius.

ULizel Pretorius umphathi weSAMAC.

Uthi kulo nyaka lendibano idibanise iingcali, amafama, abezoshishino nabo bathanda eli ndongomane. “Sidibene ngeenjongo zokwabelana ngolwazi, amava kwanokukhangela ukuba zintoni ezintsha eziqhubekayo kulimo leMacademia,” utsho uPretorius.

Uthi bakwancwase ukusebenzisa elithuba ukuvula amathuba amatsha okukhulisa imveliso yeMacademia kwihlabathi.

“Sikholelwa ukuba imveliso yeMacademia yenye kwezo zinika umdla, zinemingxilo emininzi eyahlukeneyo kwezolimo kwihlabathi,” utsho uPretorius.

UMzantsi Afrika uyadlisela ngokuba lelinye lamazwe ahamba phambili kwimveliso yeMacademia kwihlabathi. “Singu Mzantsi Afrika siyazingca ngokuba sihamba phambili ngokuvelisa iMacademia kwihlabathi, nokuyithengisa ngoku njalo sikhokele,” utsho uPretorius.

UNjingalwazi Adele McLeod weYunivesithi yaseStellenbosch uphakathi kweengcali ezizakwenza isifundo ngeendlela zokunakekela iMacademia emasimini.

“Inkqubo yethu iyaphuphuma zinkqubo ezahlukeneyo ezijoliswe ukwabelana nokufundisana ngolwazi oluzakunceda wonke ubani,” utsho uPretorius.

Abo bazimase lengqungquthela bakuphuma bequlethe ulwazi olakubanceda ngaphandle kwamathandabuzo ukuze bakhule kwimveliso yeMacademia.

UAlex Whyte ngomnye wezithethi eziphambili kule ngqungquthela ejoliswe ukukhulisa imveliso yeMacademia. UWhyte usuka kwinkampani iGreen and Gold Macademia ezinze kweli loMzantsi Afrika.

“Singu SAMAC asinakulibala ukubulela abaxhasi bethu abenze ukuba lengqungquthela iqhube ngohlobo eqhube ngalo, ngaphandle kwabo besingena kufika kweli nqanaba,” kutsho uPretorius