Iingcaphephe zoogqirha baseCuba eMzantsi Afrika

Zisagcinwe eluvalelweni into engangeentsuku ezilishumi elinesine iingcaphephe zoogqirha ebayi217 nabaphuma kwilizwe laseCuba bezokuhlangula ilizwe loMzantsi Afrika kwintsholongwane ikhorona engundabamlonyeni kwihlabathi jikelele.

Aba gqirha bamkelwe nguMongameli weli uCyril Ramaphosa ngoMvulo nebiluSuku lweNkululeko. Aba gqirha bazokunika inkxaso kweli kwaye bezokulwisana nesi sifo.

Ukuza kwaba gqirha apha eMzantsi ibe sisicelo sikaRamaphosa kuMongameli waseCuba uMiguel Diaz-Canel. Isebe lezeMpilo ephondweni ngethuba sibhala belingekaqiniseki ukuba abanye baba gqirha apha eMpuma Koloni baza kubekwa phi njengoko kulindeleke ukuba batyalwe kweli.

Oogqirha beze ngokohlukana kwabo ngokwezakhono. Ekuquka kubo abaza kuhamba neqela eliza kungena umzi nomzi kuvavanywe uluntu, abanye baza kuncedisa ngaphakathi ezibhedlele njalo njalo.

Ingxelo iveza ukuba ngo2019, eli lizwe loMzantsi Afrika kwakunye nelizwe laseCuba bewebhiyozela iminyaka engamashumi amabini anesihlanu enobudlelwane.

Uluntu lweli loMzantsi kunxibelelwano lomnatha lubonakalise ukulithakazelela eli nyathelo laba gqirha lusithi noko urhulumente uyazama ukulwa esi sifo.

Nangona kunjalo abanye basabonakalisa ukungayinaki le ntsholongwane.

Ungayitsalela iOfisi kaMongameli kwezi nombolo-17737 xa ufuna ukuqonda ngeCOVID-19 okanye ku: 0800 0029 999.