Iingcinga zam ngobume bemfundo

Ndibulisa ingqanga neentsiba zayo ndithi bhotani. Iinkosi mazithambe izicaka zizolile, njegesizukulwana sakwaNtu uSibusiso Moni ndisesizikithini njengomfunziselo wentsika yekhaya lakwaXhosa.

Kwesi sibhalo ndizakuphitcotha, ndixhentse ndixhininike ze ndihle amahlongwane ngenxa yokwehlisa kwale mazi ndiyisengayo; phantsi kwentetho yobume bephondo eyenziwe yinkulumbuso uPhumulo Masualle kwinyanga yoMdumba.

Ndizakuhlab’ ifolo ngendlela endiza kunijolela ndinabele ngayo lo mbengwana wale nkulumbuso, kodwa andizukuyosa kakhulu hleze ibe mgquba-gqubane. Mandigawule ndiwarhuqa phantsi kwesihloko sam, ze ndichakcathe phantsi kwezi ngongoma zilandelayo; luthini uphando? Ndithini mna?

Inkulumbuso iyindulule le ntetho ngokucaphula phaya kumgaqo sisiseko wethu apho iinkokheli zethu, amatshantliziyo asele awunabela uqaqaqa, bafunga bemunca iiintupha ukuba iingcango zokufunda kunye nezenkcubeko zizakuvulwa.

Owu! Madoda banga bangalala ngxolo. Ndamva kakuhle gca okwekathi emhloph’ ehlungwini xa wayesithi ezinye zezinto ezingundoqo kukukhuthaza imfundo ekudidi oluphezulu nokuphuhliswa kwezakhono. Wabuya wathi banelinge lokuphucula nabani khon’ukuze akwazi ukufikelela kwezemfundo, nokunika abo bahlelelekileyo imfundo ephakamileyo.

Lo nto ibonisa ukuba ukhakhayi lwencede ludliwa kuvukwa. Manditsho ndithi ngxatsho Gcwanini, yintluth’ ezizweni, yintlutha nasengqondweni. Ukholeka, inkulumbuso yakhankanya amalinge okupheliswa kwezikolo zodaka ezingophephela, ongafika zikelele amacala zibeke imiphefumlo engcuphekweni.

Siyayibulela loo nquleqhu ingakumbi xa kucwangciswa ulwakhiwo lwezikolo ezitsha ezingamashumi mabini kunyaka omiyo, kusukela kodlulieyo. Kusenjalo, ndikhe ndantingela phesheya kwenciba, gxebe phofu ngephepha- ndaba lethu I’solwezwe lesiXhosa, nalapho uninizi lwezikolo lusadla ngendeb’ endala.

Nangona zikho ezo zilungisiweyo, kodwa zilingcuntswana kuba le nkquleqhu ihamba ngonyawo lonwabu.

Uphando lwam luthi iphondo lethu linezikolo ezingaphaya kwamakhulu amahlanu ezinobuxhakalala noqhagamshelwano kwezekhomphutha, njengoko kujoliswe kwimfundo engasebenzisi maphepha nancwadi.

Kodwa ngokwam ukubona, le nto isaxel’ ithamsanqa ngoba ndisayibona kwiphondo laseGauteng, apha kuthi isengumnqweno nje. Ingaba izakude isifikele thina le mfundo ingasebenzisi maphepha? Ndiyabuza kuba nam lo ndifuna khe ndizitikise.

Ngokwentetho yeNkulumbuso, inkqubo yothutho lwabantwana ngezithuthi zikawonke-wonke nayo yonyukile ukusuka kumawaka angamashumi amahlanu anesine ngomnyaka ka 2013; ukanti nokwandiswa kootititshala sikuqhwabela izandla.

Le yona yothutho lwabantwana iyakhwinisa, ngoba kwiingingqi ezininzi abantwana bayadlwengulwa noozungilichele bayazenzela ngenxa yomgama abawuhambayo ngeenyawo ukusingisa esikolweni.

Kule ngingqi yethu, abo babekhe bayakucela isibonenelo sothutho lwabantwana babuya nemband’ eskhova, kusithiwa mababuyele kundalashe, ibus walk ngolwasemzini.

Sithini ke ngomgama omde xa isina imvula? Ingathi ngokokwam ukubona inkal’ isaxing’ etyeni. Xa inkulumbuso izingomba isifuba isithi banelinge lokuphucula abahlelelekileyo bakwazi ukufikelela kwimfundo ephucukileyo, kungani ke isebe lezemfundo esisiseko kweli phondo libuyisele emva isiqingatha sonke seebhiliyoni zee- randi ngenxa yokungasetyenziselwa iinkonzo ezingundoqo? Sise eyiphi komkhulu? Inene ndoyicel’ ivuthiwe.

Liyinene elithi ungevi emadolweni ungekaphakuli.

Xa ndiqwel’ ingqokoqho phantsi kwezindululo endizakuzibopha ngeband’ elinye; zonke ezi ngcamango neenkqubo ngezemfundo kwiphondo lethu zivuthiwe, kwaye zixhokonxa iingcina. Mazizalisekiswe ke zingapheleli kuphela njengentetho nezithembiso.

Inkulumbuso, ibambisene nomphathiswa wesebe lezemfundo kweli phondo kuquka namahlakani akhe mabathi gqolo ukuphonononga ukuba zonke izinto zihamba ngokwezicwangciso.

Mabaqinisekise ukuba umcimbi wothutho lwabantwana lutshotsh’ entla, ngalo ndlela eli sebe lingabe lichane inyamakazi ngotolo. Mathol’ anyongande kudlelana.

*UMoni ngumfundi webanga leshumi elinambini eMasixole High School, eMdantsane