Iingqondo zixinene ngamabhinqa betshatile

Isuke lo nto yayinto eqhelekileyo apha eMzantsi Afrika ukuba iinkokheli zethu zifumaneke kwizinto ezingatshongo khona. Iyile inkokheli inodederhu lwezinto eziyilandelayo ezingacacanga.

Ukuqala pha kutata wethu uMsholozi ukuya koyena mncinci – kuboliwe nje zizinto ezirhawuzelelisa ikhwapha nezikrokrisayo. Lo nto la madoda asikhokhelayo isuke ibe ngathi awazimiselanga tu ukuba ngumzekelo ngendlela abaphatha ngayo abantu abangoomama kunye noonkosikazi babo.

Yayikade ingumnqa into yokuva ngamabibi ezesondo ngomntu oyinkokheli, kodwa ngoku isuke yasisonka semihla ngemihla.

Kule veki sithe sisavuka singeka lamli namaphupha savukela kwiindaba zikamphathiswa utata uJeff Radebe, nekuthwa ebekhe wamaxhaphetshu efuna imifanekiso yobuze komnye wabasebenzi abancinane pha kwi-ofisi yobumongameli. Kuthwa uRadebe lo mininzi imiyalezo ayithumelele lo wasetyhini ecela imifanekiso yelungu lakhe langasese.

Tyhini thiza! Akatshatanga nalo kaRadebe? Ndithe ndakuphanda ndafumanisa ukuba uJeff lo utshate noBridgette Radebe, nongudade wesigwili uPatrice Motsepe. Ingaba umphathiswa akoneli ziinkonzo endlini sehamba ezifuna esithubeni nje?

Noxa ingathi ndiyamxabela nje, kodwa mandimncome ngokuba khange aphozise maseko uye waxolisa ngoko nangoko kumbutho wakhe wezopolitiko nakwisizwe ngokubanzi.

Usuke ungayazi ke nokuba umntu ucela uxolo kuba ebhaqiwe na okanye uyazisola manyani na. Mhlawumbi ecela uxolo nje ujonge ukuba angaphulukani nenkxaso yokuba abengumongameli olandelayo we-ANC.

Abanye abantu bebesele beyijonge kalusizi le meko besithi kukuphela kwendlela kwezopolitiko kuJeff Radebe ngolu hlobo. Abanye besithi le nto ngumakhelo onjongo zawo ikukususa uRadebe kugqatso lobongameli be-ANC.

Iingcaphephe neengcali zezopolitiko nembali zithi isengamanzi amancinci le nto ajongene nayo uRadebe, ayisoze imsuse tu kugqatso lobongameli be-ANC.

Ezinye zezi ngcaphephe ziye zacaphula kuminge-minge lwezityholo ezikumila kunje zikamongameli uJacob Zuma, nokuba zange zimthintele ekubeni abe ngumongameli we-ANC nowesizwe.

Nisakhumbula phofu ukuba iinkathazo zikaZwelinzima Vavi kumbutho wabasebenzi iCOSATU zaqala ngemiba ephathelene nezesondo, nokunyoluka kwakhe ezantsi kwebhanti? Ngabatheni ababhungcayo, ngabatheni abangabhungciyo?

Mandikhe ndikuzobele umfanekiso wababhungci ababhaqwa ekunyolukeni kwabo kwezesondo. Naba ababhungci bodumo: Fikile Mbalula, Malusi Gigaba, Kebby Maphatsoe, Jacob Zuma, Marius Fransman, noEdmund van Vuuren.

Masikhe sithi tshe, sijonge ngokukhawuleza ukuba elowo kula madoda udume ngantoni. uFikile Mbalula ngokuya wayengumphathiswa kwezemidlalo wayekhe wanomakhwapheni ongunobuhle oneminyaka eyi-27. UMbalula wayiphika wama entla eyokuba lo sisi ngumntu wakhe, wathi ibiyinto yobusuku obunye kwaye uyazisola ngayo. Hayi ke, kubekho umakhwekhwetha womkrexezi wodumo uMalusi Gigaba.

Lo kaGigaba walala nomfazi womntu ngo2011 eNaspoti. Sisajonge leyo, ngo2015 wabhaqwa ukuba uthandana noBuhle Mkhize. Sothuka sonke sabamba ongezantsi xana sasibone imifanekiso yenkonde yoMkhonto Wesizwe, utata uKebby Maphatsoe, ehamba ze. Mfanekiso lowo owawuthatyathwe likrexe lakhe.

Ucinga wakhe waxolisa la tata? Omnye endingamkhumbuli exolisa ngezigeme-geme zakhe nguJacob Zuma. Ukususela kwizityholo zokuba wadlwengula uKhwezi, ukuya kwesokuba wamithisa intombi yomhlobo wakhe * -Irvin Khoza.

Usizana olungazange lubhunce lona nguMarius Fransman, nowafumana uphum’aphele kwiANC ngenxa yezityholo zokuhlukumeza ngokwesondo uLouisa Wynand.

Umbhexeshi oyintloko weDA kwipalamente yephondo eBisho, uEdmund van Vuuren, naye ujamelene nezakhe izityholo zokuhlukumeza ngokwesondo.

Xa zininzi kangaka iinkokheli ezingamadoda ezibandakanyekayo kwimiba emibi efana nale nithi izakuba ngubani umzekelo omhle kulutsha olusakhulayo?

Ewe isiXhosa sithi akukho nzwana ingenasiphene, kodwa mna elam lithi ngoku kwanele madoda. Masibe ngumzekelo oncomekayo kwisizukulwana esiza emva kwethu.