Iinguqu kulwaluso lwamakhwenkwe!

Uninzi lwethu, abengubo nabempucuko, sisoloko siphakuzela kwakumenyelelwa iinguqu kulwaluso lwamakhwenkwe.

Isimemelelo esinjalo sisoloko sisayamanisa nemigudu yokunyhashwa nokupheliswa kolwaluko, iphulo lokukhupha ubu-Afrika kuma-Afrika.

Esikubetha ngoyaba kukuba iinguqu kulwaluso lwamakhwenkwe kudala zabakho kwaye ziyaqhuba minyaka le; nyaka nonyaka kubakho into entsha engenelelayo nokuba yeguqula ebikho.

Bendikhupha inkwenkwe kwinyanga yeKhala, ndikunye namanye amaRhudulu akowethu. Ngokwesithethe bekumele ukuba yonke into siyenzele ndawonye, kungabikho kuthiwa uza kuba nowenkwenkwe yakhe umgidi nangendlela eyiyeyakhe.

Akubanga njalo ke, siwakhuphe ngeendlela zethu ezahlukeneyo ngokwahlukana kwemizi yethu, elowo kuthi efuna ukubonisa okukokwakhe ngonyana wakhe. Senze loo mngcelele ke, siphuma kulo umzi singene komnye.

Xa bephuma abakhwetha esuthwini iingubo zabo zidla ngokuthathwa ngamakhwenkwe abencedisa kwimisebenzi ethile yalapho esuthwini, efana nokukha amanzi nokutheza.

Kodwa ezala ethu amakhwenkwe sizitshise nesuthu, nto leyo bendiyizibula. Khange kubekho makhwenkwe azifunayo. Yayifudula ilibhongo ukubanengubo kwenkwenkwe njengoko kwakunqabe kwangubo ezo.

Amakhwenkwe ke ayeziqajela kwezo zabakhwetha, bakuphuma azithathe azihlambe agoduke nazo. Awanamhlanje amakhwenkwe ayazithengelwa iingubo akathathi marhonya abakhwetha!

Isimo sendalo siguquke kakhulu kunento esasiyiyo ukuqabuka kwam.

Uhlaza lwabakhwetha lunqabe okwento endingayaziyo. Bekufuneka sikhuphe inqwelo iye kwiindawo ezikude nezinqabileyo elisafumaneka kuzo uhlaza lwabakhwetha.

Ukuba ke esi simo asiguquki sibuyele esiqhelweni, kwiminyaka embalwa ezayo siza kube singasafumani kwanto nakweyiphi na indawo. Kusakuba njalo ke asuba nacebo limbi ingekuko ukuguqukela kwezinye iindlela endaweni yohlaza.

Kambe sele zikho iindawo ezingasebenzisi hlaza ngenxa yokunqaba kwalo nezigxekwa kanobom zezo zisesenyhwebeni yokubanalo. Kungekudala ke sonke siza kube siyinxalenye yezo ndawo, izigxeko sizingcwabe kwelokulibala.

Ukufa kwabakhwetha kokunye okukhokelela ekubeni zihambe ngesantya esiphezulu iinguqu kulwaluso lwamakhwenkwe, kunjalo nje azithandisi bani.

Umcimbi weentsuku ezisibhozo zokuhanjiswa nzima kwabakhwetha lulwaphulo-mthetho kule mihla, sele yathathwa yajulwa kude leyo nto. Ukutya esiqabuke kungangeni esuthwini kungena kubaleka kule mihla, kunjalo nje sele sigobe uphondo nakuleyo imeko.

Umcimbi wezonyango lwasemlungwini siqabuke isisonyeliso kulwaluso lwamakhwenkwe, bebizwa ngamagama abafana abathatha leyo ndlela becekisekile naphakathi kwabanye.

Kodwa kule mihla kwangaphambi kokuba inkwenkwe yaluke kufuneka iqale kwabonyango lwasemlungwini; ubani ethanda engathandi.

Sele yamkelekile ze yaxolelwa luluntu lwethu naleyo into, kunjalo nje ayizuphelela apho, iza kukhula ise kwiindlela zasesilungwini zokudlangwa kwamakhwenkwe.

Kambe ke kwezinye iindawo sele ingene, apho inkwenkwe isiwa kwabonyango lwasemlungwini ukuqabelisa ibakala lomdlanga ze yandule ukubuyela esuthwini ukuya kufumana ulwaluso lwengqondo. Sonke isizwe solwaluso lwamakhwenkwe siya apho ke, silandela amaJuda asele afudukela kule ndlela ngopewula.

Othi akafuni nguqu kwezolwaluso lwamakhwenkwe makadede wagilwa! Makamele bucala abukele iinguqu zizingenela ngenkani, ziliguqula isiko lolwaluso lwamakhwenkwe lufanele la maxesha.

Ulwaluso endaluswa ngalo lwahluke mpela kweloobawo, nendlela endaluse ngayo kulo nyaka ayifani nendlela endaluse ngayo kwiminyaka edlulileyo kwanendaluka ngayo mna neyayehlukile kweyoobawo.

Wonke ubani ukhalela ukungafani kwezinto ezimiyo nezexesha lakhe. Kwakunjalo ke kwakwizizukulwana ngezizukulwana ezingaphambi kwezoobawokhulu, kwanjalo koobawo, kwanjalo nakuthi, kuba kunjalo ke koonyana, kusaya kubanjalo nakwizizukulwa ngezizukulwana zabo ezizayo.

Ukuzenza umqobo endleleni yeenguqu kukuhlangabezana nesiphango usibona. Ibhekile ayizange yema ndawonye kwaXhosa. Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba.