Iinguqu kurhulumente wephondo laseKZN

Inkulumbuso entsha yephondo laKwaZulu Natal uWillies Mchunu wenze iinguqu kurhulumente wela phondo engqinela amarhe ekukudala ejikeleza okuba kukho iinguqu ezizayo kurhulumente wela phondo.

Lo kaMchunu ungene kwesi sikhundla senkulumbuso kwisithuba seveki enye egqithileyo emva kokuba uSenzo Mchunu ethe washiya nje- ngenkulumbuso yela phondo.

Usihlalo weANC kwela phondo uSihle Zikalala, ungene kwisikhundla somphathiswa wesebe lophuhliso lwezoqoqosho, uMxolisi Kaunda kwisebe lezothutho, uBongi Sithole Moloi ungene kwezenkcubeko nobugcisa, uThemba Mthembu yena ukwisebe lezolimo lo gama uMthandeni Dlungwana ekwezemfundo. Ethetha namajelo eendaba emva kokushiya kwakhe uSenzo Mchunu wathi:

“Konke oku ndikwenza ngenxa yokuthobela ubulungu bam kwiANC, ndisisicaka sabantu,” watsho uMchunu.

Aba baphathiswa bangena kwizikhundla zabo bebengabaphathiswa abaquka uPeggy Nkonyeni, Mike Mabuyakhulu, Ntombikayise Sibhidla-Saphetha kunye noCyril Xaba.

Oku kusemva kokuba kuvele iinguqu kwisikhokelo sombutho weANC kwela phondo nalapho kuthe kwangena inkulumbuso entsha. Izolo amasebe ombutho eANC kwiindawo ezahlukileyo eThekwini aqhuba uqhankqalazo ingakumbi amalungu anganelisekanga ziziphumo zoluhlu lolonyulo.

ENorth Coast Road amapolisa ajijisene neqela labahlali abebebonakalisa ukungonwabi kwabo ngenxa yendlela ekuqhutywe ngayo inkqubo yoluhlu labagqatswa.

Ukuguquka kwesikhokelo sikarhulumente kwela phondo kulandela ukutyunjwa kweenkokheli ezintsha ephondweni ngumbutho weANC.

Le ngxelo ithi iinkokheli zabaqhankqalazi zibambe indibano kunye nenkokheli zeANC ngeenjongo zokuphelisa olo qhankqalazo. Ethetha nabalandeli beANC eMpumalanga izolo umongameli weANC uJacob Zuma uthi kukho abantu abangayilandeliyo indlela oqhuba ngayo lo mbutho.

Ukanti umhlalutyi wezopolitiko kweli uGqirha Somadoda Fikeni uthi, le nguqu ibubungqina beenguqu ezenzeka kwimeko yezopolitiko kwela phondo.

“Umbutho we ANC uzakuya uneentanda ezimandla kulonyulo oluzayo ukuba azinakusonjululwa iingxaki ezibangela uqhankqalazo labahlali, le ngxaki idinga ungenelelo lezopolitiko ingekuko ukusetyenziswa komthetho kuphela,” uthethe watsho uFikeni.